Umnqamlezo

Umnqamlezo ngumthi wehlazo kubantu bakowawo. Kwakusithi ukuba umntu uthe wenza ulwaphulo-mthetho olulisikizi nelifanelwe sisigwebo sokubulawa, zazintathu iindlela zokumgwebela ukufa: yayikukuba aqanyangelwe elulekweni lokusila ayokuphoswa esizibeni azike nelo luleko, okanye axulutywe ngamatye de afe, okanye kuqingqwe umthi ube ngumnqamlezo ze abethelelwe kuwo, axhonywe apho esenziwa zonke iintlonti ezake zakho de afe.

Ezi zigwebo ndingazifanekisa nesigwebo sentambo kweli lizwe, nesele sapheliswayo. Ukanti kwamanye amazwe kukho nesigwebo sezembe, apho umntu athi aqanyeliswe intamo ngomqobo ibethwe ngezembe iqhawuke.

Umnqamlezo lo ke sele wazifumanela indawo kubantu esingabo ngokunga yinto emveli yayo ilapha eMzantsi Afrika. Kanti ke weza ngenyoba yenkolo yobuKristu, obumbali yabo ikhomba ukuba uYesu wabulawa ngokubethelelwa emnqamlezweni ziintshaba zeendaba zosindiso awayevakalisa zona.

Into endixakayo kukuba umnqamlezo uyaziwa ukuba ngumthi wohlazo, kwaye iNkosi yahlaziswa ngabakuyo ngokuthi bayibethelele kuwo ingenatyala, kodwa amaKristu asenebhongo lomnqamlezo – umthi wehlazo.

Kuthiwa ke yiNkosi ngokwayo eyathi elowo makathathe umnqamlezo wakhe ayilandele. Indawana efika ingagcwali ke kukuba yayithetha ukuthini na ke iNkosi xa yayisitsho, kuba kwakungekho mntu unamnqamlezo wakhe kwabo babeyilandela.

Nayo ngokwayo yayingenamnqamlezo wayo, eyaxhonywa kuwo yayiwenzelwe ngabatshutshisi bayo. Kwakungekho mntu uzenzelayo umnqamlezo.

Akho ke amahlelo amaKristu alisabelayo elo khwelo leNkosi, akabi saliphicotha, kangangokuba eyawo mincinci kakhulu kunalowo weNkosi. Eminye igangxwa entanyeni ngelixa eminye ixwaywa egxeni. Kanti ke oweNkosi wawumkhulu kangangokuba yayihamba iwuthwaliswa, uyisinda.

Okunye ke kukuba inkolo yobuKristu ayibulali, yintoni ke le iza kubulawa ngokuxhonywa emnqamlezweni? Mhlawumbi ke zizono, mandibe ndisitsho okwangoku. Andikho apho ke kambe, ndibalisa nje ngomnqamlezo kubomi bethu ngokubanzi.

Eli nqaku ndilikhunjuzwe ngumboniso wesingqala sabantu ababulawelwa izizalwane zabo ngamapolisa eMarikana. Kwindawo yexhwayelo kugxunyekwe iminqamlezo emincinci emhlophe.

Andazi ke ukuba bekufunwa ukudlulisa myalezo mni na ngeminqamlezo leyo. Isuke yaba mininzi ke, endingazi nokuba ibilinani labafi okanye elabo benza isikhumbuzo kusini na.

Ndike ndibone kubekwe neentyatyambo kwindawo yexhwayelo, elowo umntu aphathe eyakhe okanye kuphathwe isihlahla esikhulu, andizazi ke nazo iintyatyambo ezo ukuba zithetha ukuthini na.

Kudala ke ndiyibona le nto yeminqamlezo. Nalapha ecaleni kwendlela ndike ndibone kugxunyekwe iminqamlezo emincinci kwiindawo ekufele kuzo abahambi ngeendlela, bebulawa ziinqwelo-mafutha.

Nezinye iibhokisi zokungcwaba ziphuma nomnqamlezo obhalwe igama lomfi, endingazi ukuba akukho nto yimbi belinobhalwa kuyo na eli gama ngaphandle komnqamlezo lo. Emangcwabeni wofika kugxunyekwe kwale minqamlezo mincinci, igxunyekwe nakwelongengo Mkristu.

Kuyabonakala ke ukuba umnqamlezo lo, enokuba ithini na into yethu ngawo, sele uzifumanele indawo kwiinkqubo zethu ezithile.

Ukuba ayinakuke ibhalwe kakuhle imbali yawo uya kuphetha uyinxalenye yenkcubeko yethu, kubekho izinto esingazenziyo ngaphandle kwawo.

Zininzi ke izinto esele zime ngolo hlobo kuthi nesele kucingwa ukuba ziyinxalenye yenkcubeko namasiko ethu, kanti zizinto ezembali yakude.

Andithethi nto ke ngenkolo kuba ihamba indawo yayo kwaye ingumoya. Umoya ke awunamlandu ulandwa ngokwenyama.

Ngako oko andigungqisi bantu bawutyathela inkolo yabo umnqamlezo, koko ndithetha ngomnqamlezo nje ngokubanzi.

Ukubonisa ukumiliseleka komnqamlezo kweli lizwe, sekuliqhalo elidala ukuthi ‘lusizi lujinga emnqamlezweni’ xa sithetha ngomntu owohlwaywa ngokungenabulungisa. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba