UMnquma uqinisa amatyathanga nemithombo yoqeqesho

UMasipala waseMnquma eGcuwa utyikitye isivumelwano sentsebenziswano kunye neeYunivesithi ezintlanu kweli phondo leMpuma Koloni kwiholo yelokishi yaseMsobomvu ngolwesibini.

Iinjongo zezokuba, ezi Yunivesithi zidlale indima enkulu ekuqeqesheni uluntu lwaseMnquma ngezakhono ezahlukeneyo.

I-King Hintsa TVET kholeji, iYunivesithi iWalter Sisulu, Fort Hare, iNMMU kunye neFort Cox Training College, zityikitye nomasipala waseMnquma.

USodolophu womasipala, uBhabha Ganjana uthi, eli nyathelo ziinzame zokuphucula uluntu lwaseMnquma ingakumbi ulutsha, kuba uthi kwiibhasari zabo kuzakuxhamla lona kakhulu.

“Uxanduva esinalo kukuphuhlisa abantu, kodwa ngaphandle kwezakhono ngekhe baphuhle ngokungqibeleleyo, nto leyo eyenze sithathe eli nyathelo,” uqhube watsho.

Uthi indawo yaseMnquma inamabakala amaninzi asafuna ukuphuhliswa, phakathi kwawo licala lezolimo, ezokhenketho ezisafuna uphuhliswa kunye nembali etyebileyo esafuna ukuthengiswa kakhulu eluntwini.

Kodwa ukholelwa kwelokuba zizonke ezo nto ngekhe zibeyimpumelelelo ukuba uluntu lwaseMnquma alixhotyiswa ngezakhono ezaneleyo.

“Abantu funeka sibafundise ukuzenzela amaxesha amaninzi, le ntsebenziswano yethu kunye neezi Yunivesithi izakusincedisa kakhulu ekubeni bayiqhele lo nto xa sibase kuqeqesho,” wongeze watsho.

Sele likhona ulutsha eliqikelelwa ku120 esele lixhamlile kule nkqubo yokufumana izakhono kwicala lolimo kunye nelokufuya, kwaye kungoku nje sele luqalile ukusebenzisa ezo zakhono.

Umanejala womasipala, uSindile Tantsi uthi, indawo yaseMnquma yayifudula inemizi mveliso, nto leyo abayivuselelayo ngoku.

“Izakhono ezizakuxhanyulwa luluntu kweziYunivesithi zizakuncedisa kakhulu ukuba abantu bazisebenzise xa kuvulwe le mizi mveliso,” kutsho uTantsi.

UGqirha Ntombovuyo Wayi waseFort Hare, uthi bazakunika izakhono ezahlukeneyo.

“Sizakuxhobisa uluntu ngokwendlela yokuhambisa iinkonzo, kwaye sizakwenza nophando ukuba zeziphi izinto ekumele zenziwe kulo masipala ukwazi uphuhle nangakumbi, Sikwanethemba lokuba ekuhambeni kwexesha sizakuthi sikhuphe neebhasari, kodwa oko akuyonxalenye yentsebenziswano yethu okwangoku,” usho uWayi.