UMnquma usematheni

Abahlali bakhal’esimantshiyane, Inkonzo zikarhulumente zinqongophele, Intlungu ibhalwe ebusweni, Yonk’into iyacweza, Oohlohlesakhe bazityel’itheko, Usizi lwent’ongazange wayibona, Amanzi yinto abangasayazi, Umbane awulothemba, Uburhalarhume buxhinile koohlohlesakhe, Kazi yozala nkomoni?

Abantu bakuthi badangele, Abantu bakuthi balambile, Abantu bakuthi banxaniwe, Abantu bakuthi badiniwe, Abantu bakuthi bayintlekisa, Intsana zethu ziyanqwakuza, Kucacile salwel’ukuhlohla izisu zongqayimbana, Sasithi sivotela utshintsho, Kanti sivotela intshutshiso, Ikati ikhedamil’eziko ayinabani, Kodwa ilanga lawuze libeliny’uqhawuk’ujing’abantwana bedlala.

Akukho nkang’idubul’ingethi, Sonke siyanqwen’ukutya iyogathi ngemicinga, Isimo sisinyanzelis’uba siy’emandlalweni ngesisu esicul’uNoyana, Kukho abatya isonka esiqatywe macala, Ngelixa kukho abasikhuma singenanto, UThixo akamkhethi wabuso bamntu, Nezenzeka ngobumnyama zisayakutyhilwa, Qhubani makhwenk’amadala sakh’umkhanyo.

Kulityelwe ngomnt’olambileyo, Kulityelwe ngomnt’ongathathi ntweni, Kulityelwe ngolutsha olungenamisebenzi, Kulityelwe ngexhewukazi elingenamanzi, Kulityelwe ngenkonde engenambane, Kulityelwe ngedolophu exhifilili, Kulityelwe ngonolali ongenandlela, Kucingwa ngemoto zikanokutsho, Kucingwa ngokuqashana ngokwazana, Kucingwa ngokuqashana ngobuhlobo, Kuqhum’isincwaso esikhatshwa lilize, UMNQUMA usematheni ngezizathu ezif’amanqe.

Kutsalelwana kwiinkundla zamatyala, Izwi lehlwempu alivakali, Ihlwempu lilila libuye lizithulise, Kodwa inyembezi zehlwempu ziyathetha, Zitheth’inyembezi zishiye umsinga wencindi yekhala, Ngeny’imini amaziny’akuba zinyanda, Kubenokukhala nokusineka, Liqaqambe izwi lehlwempu livakale naphantsi kwamanzi, Akhon’amehlo nang’exhag’umbombo.