UMnquma uyibetha ngoyaba eyegosa elinomthetho walo weLockdown

Caption: Igosa lezendlela laseMnquma, uMnu. Fipaza

Umasipala waseMnquma uthi awunakutsho ukuba lenze okugwenxa igosa lawo, elingundabamlonyeni, emva komboniso walo ojikeleza kumaqonga onxibelelwano apho beliyalela ukuba edolophini eGcuwa kufuneka kuphela umntu onoxwebhu lwemvume.
Lo mboniso, nofumene ukonyeliswa nokugxekwa luluntu, ubonisa eli gosa, uMnu. Fipaza, liphethe isixhobo sesandi sokukhwaza lisithi “(umntu) ongaphethanga (uxwebhu) lwemvume akanalo ilungelo lokungena edolophini (eGcuwa), nokuba uhamba ngenyawo okanye ngemoto, kufuneka ukhuphe uxwebhu lwemvume”.
Eli gosa liqhuba lisithi “Total shutdown madoda, imile imile, yeyoMzantsi Afrika wonke asiyonto yalapha eMnquma qha. Nguzwelonke lo, oyena zwelonke ngulo”.
Urhulumente uyigxininisile eyokuba abantu mabahlale ezindlini, kodwa ibikwabethelelwe eyokuba umntu ongaphuma ngoyokuthenga ukutya okanye esiya kwiziko lezempilo kwaye akufuneki mvume ngokwenza oko.
Abantu ekufuneka beveze amaxwebhu emvume basuka abo basebenza kumaziko ezempilo, iintatheli, abasebenza nabo basebenza kwiivenkile zokutya.
Isithethi sikamasipala waseMnquma uLoyiso Mpalantshane uthe: “Umba weli gosa siza kuwuxoxa ngaphakathi singumasipala. Andizami ukuthi uthethe gwenxa, koko ndizama ukuthi siza kuthetha naye.”
“Ikhwelo lokuba makuhlalwe ezindlini lisaqhuba kwaye sicela abantu ukuba balithobele,” utshilo uMpalantshane.