UMntla Koloni ukhal’ esimantshiyane: AmaBhokobhoko asichwethel’ ecaleni

IKapteni yamaBhokobhoko uSiya Kolisi ebonisa imbeko kuluntu loMzantsi Afrika kutyelelo lwaseRhawutini UMFANEKISO: SA RUGBY

INKULUMBUSO yaseMntla Koloni uGqirha Zamani Saul uthi ukhenketho lwamaBhokobhoko olubonisa ngendebe iWebb Ellis ayiphumelele eJaphani lugqwaliswa yinto yokungaquki wonke amaphondo oMzantsi Afrika.


Namhlanje (uLwesihlanu) amaBhokobhoko aseThekwini kusuku lawo lwesibini lokubonisa ngale ndebe eluntwini. Izolo beseRhawutini, logama ngomso (uMgqibelo) eza kube eseMonti, ze ngeCawe abeseBhayi. 

Ukhenketho, ngokwenkqubo epapashwe kumnatha wonxibelelwano (website) wamaBhokobhoko lugqibelisa eKapa ngoMvulo.

USaul uthi ukukhethelwa ngaphandle kwamanye amaphondo kolu khenketho yinto engafanelekanga. 

“Lo mba ndiwuphakamisile kuMphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko [Nathi Mthethwa] kwakunye noMongameli weSARU (SA Rugby Union) [Mark Alexander],” utsho uSaul kwikhasi lakhe likaFacebook.

“Kungelishwa kwelokuba kufuneka sikhumbuze abantu ukuba nathi sikhona njengephondo nanjengabantu,” utshilo uSaul.

Ngethuba sibhala eli nqaku bekungekacaci kusini na ukuba le ndebe iya kuphelela kula maphondo mane.