UMntla Koloni uzokufunxa ulwazi eMpuma Koloni

Igqiza laseburhulumenteni laseNorthern Cape, likhokelwa nguMEC Mac Kack, ngethuba lityelele eMpuma Koloni

Igqiza labaphathiswa bephondo loMntla Koloni lichithe iintsuku ezintlanu eMpuma Koloni kule veki ngelifuna amacebiso kwilinge lalo lokukhulisa uqoqosho kwela phondo ledayimani. Aba baphathiswa, kwakunye namagosa aphezulu kuburhulumente baseMntla Koloni, bebekhokelwa nguMphathiswa wezezimali, uphuhliso lwezoqoqosho nezokhenketho kwela phondo uMac Jack. Utyelelo lwabo luqale ngoMvulo kwiziko lophuhliso lwezoshishino iCoega eBhayi apho bebefunxa ulwazi ngeendlela zokumiliselwa kwamashishini kuquka nokutsala abatyali-zimali. Emva kokuthatha iintsuku ezintathu eBhayi, beze kwiziko eliseMonti (IDZ) nalapho bathe baphefumlelana namagosa eli ziko ngokukhokelwa apho uMphathiswa wezezimali nophuhliso lwezoqoqosho kweli phondo uSakhumzi Somyo ebeyinxalenye.  


Pedro Mapelo's photo.

Encokolela I’solezwe uJack uthe bafuna ukufunxa ulwazi nanjengoko bezilungiselela ukumilisela iziko lezoshishino elikhethekileyo (Special Economic Zone) eUpington kwanemiheshuzo yoshishino kunxweme iBoegoe eMntla Koloni.

“Sikhethe ukuba sityelele eMpuma Koloni ngenxa yokubona ukuba iCoega neziko [IDZ] laseMonti ziqhuba kakuhle kakhulu kwicandelo lemizi-mveliso. Sifuna la maziko asincedise ukumilisela ezethu iintshukumo zoshishino,” utshilo uJack.


UJack uthi bafumanise ukuba kuyasetyenzwa eCoega, ngoko ke utyelelo lwabo ephondweni ayilolize.

Lo kaJack ebephelekwa ngabaphathiswa bephondo lakhe abaquka uPauline Williams wezothutho nezokhuseleko, Mxolisi Sokatsha wemisebenzi yoluntu, Lebogang Motlhaping wezempilo, oosodolophu namanye amagosa aphezulu. Utyelelo loMntla Koloni ephondweni luphethulwe ngoLwesihlanu.