Bendihleli ndicinga ngeengxaki esinazo kwiindawo esihlala kuzo, emakhayeni ethu ndazibuza ukuba kanye kanye yintoni esibangela ukuba side sibe kanti sizikhusela nasebantwini oku ngathi abantu zizilwanyana?
Bekungamelanga ukuba sithetha into enye na singabantu? Impemdulo ke yathi, sinengxaki yokonqena singabantu, sonqena ukucinga kwaye iingxaki esijamelene nazo zifuna abantu abacingayo benze. Eli xesha sikulo lixesha loba sitshintshe indlela esenza ngayo izinto ngakumbi xa endala ingasebenzi
Amaxesha ayatshintsha, lo nto ithethe ukuthi nendlela esijonga ngayo iimeko zethu kumele itshintshe ukumelana nexesha eli sikulo. Akukho nto ingalunganga ngokukhusela amanina, nam ndiyaxhasa, kodwa umbuzo ngoku uthi umntwana oyindodana yena? Xa sihoye amantombazana namanina qha, abanye abantu aba siphila nabo sithini ngabo?
Ndithe ndakujonga ndafumanisa uba, elona xesha umntwana oyinkwenkwe afumana ukuhoyeka ngalo linye qha, lela xesha aya ngalo esuthwini, eza veki zintathu okanye inyanga. Ingaba ela xeshanyana angabe umntwana sefunde yonke into eyenza umntu abeyindoda? Ngoba emva kweza veki kuye kulindeleke uba umntu abeyindoda, alwazi uxanduva lwendoda.
Noba nje sithule siluluntu, umonakalo wona uya ubheka pha akhomntu ude ame okanye amise into, kwakhiwe aba bantwana. Sixakekile kukukhusela amanina namantombazana, oyindoda yena? Uba sifuna ukuphumla emphefumlweni nasemakhaya kuzonyanzeleka abantwana sibalinganise beselula. Wonke umntu noba usesiphi na isini udinga ukuxhotyiswa.
Sekulithuba ke ndiwushukuxa lo mba qha ndingazi uba ndizowuqala ngaphi. Kwathi ke ngoba andinguye omnye wabantu abakhalaza bakugqiba bangenzinto. Ndaqalisa ukubanencoko nabesilisa endibaziyo uba babenentliziyo yokuphucula ubomi babantu, bawuthanda umbono, umntu nomntu esitsho kunjalo nje uba uzonceda njani. Umsebenzi wam walula, yakukudibanisa nje abantwana ndawonye nabesilisa abakhulileyo benza umsebenzi wabo, yonke le nto siyenza silungisa ikamva labantu bethu. Ndithe ndisajonge leyo kwathi qatha umbuzo woba inoba siyimoshe phi into yoba amaqonga abesilisa abembalwa kangaka okanye angabikho kwawona. Xa sijonga ubundlobongela, amaxesha amaninzi bubangelwa ngabesilisa. Sikhusela amanina kwabesilisa. Ngabesilisa ababulalayo, abadlwengulayo njalo njalo. Impendulo ke inye, benza yonke le nto kuba abanabani wokukhomba indlela eyiyo.
Sele abesilisa befundiswa, bafundiswa indlela yokuphatha kakuhle amabhinqa, ukuxabisa amabhinqa. Besingenakubafundisa ukuzithanda bona kuqala, nokuzixabisa khon’ukuze bazokwazi ukuthanda nokuxabisa omnye umntu. Zonke ezi mfundiso zingokukhulisa umntu sizijonge sazibona zifanele amanina namantombazana, lo nto iyodwa ingazenza iintanda kowesilisa nowasetyhini, singaqondanga phofu sicinga siyalungisa. Yonke into iqala kuwe.
Uba ufuna ukwazi ukuthanda nokuxabisa abantu, qala uzithande uzixabise. Ayisasisebenzeli ngoku into yoba indoda ayikhali. Iyakhala indoda ngoba indoda ngumntu. Nangoku uqikelelo luthi abaninzi abazibulalayo ngabesilisa, masikhulisane. Ngeenkcukacha: Katomnoku@gmail.com, 079 284 1757.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro