Umntwana utshele kuronta

Uronta ekutshele kuyo intwazana eneminyaka emibini kwilali yaseMazeppa Bay kuCentane

Intwazana eneminyaka emibini itshe yabhubha ngaphakathi kuronta obugutyungelwe ngumlilo ezinzulwini zobusuku kwilali yaseMazeppa kuCentane.

Isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha uthi, le ntwazana ibilele noosisi bayo ababini oneminyaka elithoba (9) kwakunye noneminyaka elishumi elinesithathu (13) ubudala.

Lo mlilo ubonwe emva kwentsimbi yeshumi elinanye ezinzulwini zobusuku kuLwesihlanu odlulileyo.

“Umama wamaxhoba ebelele kwelinye igumbi elikude kulo ronta bebelele kuwo abantwana. Kuncede abahlali belali ebebekwaza, besithi indlu iyatsha ukuze avuke asabele naye lo mama. Utata wekhaya ebekwenye ilali kumzi obuzakuba nesingcawbo gethuba kusitsha,” utshilo uManatha.

Uqhube wathi, “Umama ukwazile ukuhlangula aba badala ebakhuphela ngaphandle, lo umncinci yena ebesele ebhubhile ngumlilo. Amaxhoba nebesele enezitshele zokutsha abalekiselwe kwizibhedlele ezahlukeneyo, elinye lilaliswe kwisibhedlele saseFrere eMonti logama elinye lilaliswe kwesaseThafalofefe kuCentane.”

UManatha uthi, unobangela womlilo awukaziwa usaphandwa ngamapolisa akuCentane, kwaye akukabanjwa mntu ngesisehlo.

Ziya zixhaphaka iziganeko zokutsha kubhubhe abantu. kwiiveki ezidlulileyo kutshe kwabubha umama osele ekhulile, uNongamile Deyi onamashumi amathathu anesihlanu (65) welali yaseNgquthu eNciba. Umlilo wabonwa yindoda yasekuhlaleni izidlulela ngendlela emva kwentsimbi yokuqala emini emaqanda uDeyi engaphakathi endlwini.

UManatha uthi, ngethuba befika abahlali beyokuhlangula lo mama, bafika naye sele eswelekile.

Unobangela walo mlilo nawo awukaziwa, amapolisa aseNciba asaphanda. Avule iqwakuqwaku lokutshisa.