Umntwana wakhe wohluthwe ngoonontlalontle

xxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxx

Intwazana enamashumi amabini anesithathu ubudala, uCelina Limapi, wakumatyotyombe aseNtenteni eMonti, ibika ubulolo ngenxa yokwalelwa ngoonontlalontle ekuboneni umntwana wayo.

Umntwana kaLimapi, oyintombazana, unonyaka oneenyanga ezilishumi. Wathathwa ngoonontlalontle kuba uLimapi wayokucela ngenxa yentsokolo yakhe yokungaphangeli nokubhujelwa ngabazali bobabini. ULimapi ukwathi utata womntwana wakhe akamondli umntwana, nto leyo yathi yenza ubunzima nangakumbi.

ULimapi wathi wokujongana nezi ngxaki, wacinga ngomntwana wakhe efuna akhuseleke. “Ndaqonda ukuba mandimse koonontlalontle. Intsusela yayo yonke le ngxaki yayikukudinga indawo yokuhlala futhi ndabe ndingenamsebenzi,” utshilo uLimapi.

Uthi ngethuba egcinisa umntwana wakhe koonontlalontle, waxelelwa ukuba uzakumfumana umntwana xa sele enendawo yokuhlala ezinzileyo, alungise ifowuni ukuze atsalelwe umnxeba kwaye aphinde abephantsi kwengqesho. Yonke le yimiqathango kanontlalontle waseMonti ogama linguSinazo Mevana. ULimapi uthi unalo ityotyombe eOrange Groove eMonti, unayo ifowuni futhi uyabamba itorho emakhitshini eAmalinda naseNahoon.

Uthi ziqengqelekile iiveki engamboni umntwana wakhe kwaye engaxelelwa nokuba ugcinwe kweliphi na ikhaya labantwana. “Ndiqale ukufowunela uSinazo Mevana ndifuna ukuthetha nomntwana kwaye ndiyokumbona nalapho agcinwe khona, kodwa akwavunywa.

Ukuqala kwakhe wathi uMevana kusekutsha andizukwazi ukuyokumbona. Xa ndifowuna wamane endiphoxa. “Ndiyile uyokukhalaza kumphathi woonontlalontle ngale nyewe ndikwakhalazela nohlobo abandiphethe ngalo ooMevana noogxa bakhe, kodwa andafumana ncedo. Okulandeleyo kukusikelwa iyure yokuba ndimbone umntwana kwi-ofisi kaMevana. Kulapho bendiye ndikwekwe ngabanontlalontle, bendigezela,” utshilo uLimapi.

ULimapi uthi ufuna umntwana wakhe, kuba noko sele ewafumanile amacebo okuphila. UMevana uphendule sele enolwazi oluninzi ngemeko kaLimapi, I’solezwe lingekangeni nzulu kwimibuzo leyo. Uziphikile izenzo zokuba bayamhlasela bamhleke uLimapi xa ekwii-ofisi eyokubona umntwana wakhe. Kumba wokungamniki uLimapi umntwana uphendule wenjenje: “Kwisivumelwano esibenaso kwindibano yethu yokugqibela nomama womntwana ibekukuba eze nomntu omdala ozakuthi amele uLimapi sikwazi ukumkhulula umntwana, kwaye nemeko ibengcono kunakuqala endaweni umntwana azokuthi ahlale kuyo.

Ukuba ndingamkhupha zingekalungiseki iingxaki ebesithe makazilungise uLimapi ingandim osengxakini,” utshilo uMevana.

Logama uLimapi esithi yonke into ime ngobume ngakuye ebekuthwe makayenze.