Umntwana weMpuma Koloni uyacela kuni

Yiveki exakekileyo le eMpuma Koloni. Umbutho olawulayo, iANC, inomsebenzi omkhulu eNelson Mandela Bay Stadium apho izakuthi ipapashe umgaqo-nkqubo wayo ozakuthi ucangcathe kuwo emva kolonyulo ekulindeleke lubanjwe xa ukekela lo nyaka. Zonke izikhulu zikarhulumente nozombutho ophetheyo zibuthelene ndawonye eBhayi. Injongo kukujonga nokuhlangabezana neemfuno zabantu.

IMpuma Koloni lelinye lamaphondo anabantu abaninzi ekulindeleke bathathise ngomhla wovoto bayobeka ooNxi babo. Ubuninzi babo bulingana neengxaki zeli phondo ezingasombululekiyo ngenxa yobunkokeli obungaqinanga. Ukuphindiswa kwemali ebekufanele ukuba incedisa isebe lezemfundo yenye yezinto ezibangela umntu ohlala kweli phondo athi ayiyondawo yokuzalisekisa amaphupha iMpuma Koloni.

Kwiphephandaba lanamhlanje, kwiphepha leshumi elinesine, kukho umfana waseZwelitsha ofuna ukuya kwitumente ezakuba seGoli kwinyanga ezayo, kodwa ingxaki anayo kukuba akanayo imali yokuya. U-Akhona Chris Nguta ucela uncedo ebantwini ukuze akwazi ukuya kule tumente.

Ukusokola kwakhe ke akothusi ngoba abantwana beli phondo bayasokola ubuninzi babo. Siyathemba le mbelelwano iyakuthi ichukumise nokuba inye inkokeli kwezo ziseBhayi.

Siyacela nakoosomashishini bancede lo mfana. Akafuni mali ininzi, kukubhatalelwa iindleko nje zokuhamba nezokuhlala iintsuku ezimbini zetumente yamadoda akhuphisana ngezoso. Le tumente afuna ukuya kuyo ingamvulela amathuba, futhi eyona nto ibalulekileyo kuye kukumela ilizwe lakhe. Yintoni ke enokubangela kubenzima kwiinkokeli zingamncedi lo mfana?

Ukuya kukaNguta phaya kungayinzuzo kwilizwe lonke ngoba uchongwe ukuze amele uMzantsi Afrika uphela kukhuphiswano labadlali abaphuma kwilizwekazi leAfrika lilonke. Imidlalo yenye yezinto ezibalulekileyo kuthi kweli lizwe ngoba iyaliphakamisa igama lelizwe kakhulu xa ihoyiwe.