UMntwanegazi ngumabandlonke!

Eli phepha-ndaba lakowethu likhe lakhupha inqaku elingokuphehlelelwa kweKumkani yamaMpondo libandla elizibiza ngokuba ngaBapostile, ngesihloko esithi “NgabaPostile iiKumkani zeMpuma Koloni”.

Kweli ityeli abaNtwanabahle abaphambuka emthethweni wobukhosi ngokwamkela ‘uphehlelelo’ lweli hlelo. Umntwanomhle bekumele ze asamkele ngaphandle kwamathidala isipho asiphathelwe ngabantwana bakhe.

Kambe ke, mandilitsolise lona elokuba kutenxile ukucinga ukuba isenzo esinjalo senza ukuba iKumkani ibe lilungu leli hlelo. Ingade ibe ililo ke kambe kuba nalo eli hlelo lelayo, njengawo onke amanye amahlelo.

Okona bekunode kube kungqalile ngokusingise ekungeneni kweKumkani kwihlelo elithile kukuthi ‘iliwexuwexu’. Iwexuwexu ke ngokwasenkolweni ngumntu othi engapha abe ekho nakwelinye icala.

Njengokuba iiNkosi bezisePostile ngale mini, ngelandelayo kulindeleke ukuba zibe seTshetshi, ze ngaleya zibe seWesile.

UMntwanomhle isizwe sesakhe siphela, nezinto zaso. Imibutho, iicawe, amagqirha, amaxhwele, njalo-njalo zezeenkosi.

Xa ubani ecinga ukuya kwambesa ikokwabo sukube ecinge into entle, njengeli hlelo lizithatha ngokuba umoya oyingcwele ngowalo ukuba lihambe liphisa ngawo nakubani na elithande ukwenjenjalo kuye. Lityaphile ke ukwenjenjalo!

Yintelekiso, kwaye kudala ikhwele elibi nobukrakra, ukunyina iNkosi ukuba uyilinganise nequmrhu elithile. Oku yimpazamo eyenziwe ebaThenjini mhla uMntwanomhle wathi esidlangalaleni wamkela ubulungu bombutho othile, elahla ubulungu bothile. Namhla oku kwenziwa lihlelo elizibalela ekuthini limhluthile esizweni uMntwanomhle ukuba abe ngowalo kuphela. Ukuba kunokuba njalo ingabe isizwe silahlekiwe ngumthetho.

Naliphi na iqumrhu, umbutho, ibandla, linelungelo lokuya kwambesa uMntwanomhle lakuba licingile. Kulindeleke ukuba sibone bandla limbi komkhulu ngomso, nalo lifike limwonge ngento elinayo uMntwanomhle, nokuba kungezambatho zalo na. Oko akumenza ukuba abe ngowelo hlelo kuphela.

Ikomkhulu likhaya lomntu wonke. Nomhambi ikomkhulu likokwabo. Akukho bani unokugxotsha bani komkhulu, ngoba wonke ubani ukokwabo xa ekomkhulu. Negeza, nokuba seligeza kangakanani na, ikomkhulu yeyona ndawo yalo yokugeza ngenkululeko kungekho bani unokulenza nto.

INkosi ingade ibe ibonwa imana ukuya kungena hlelweni lithile, de ikhuphe nemirhumo yakhona, ibe nabo nobulungu obubhalisiweyo.

Kodwa nelo ingazange yabeka mcondo walo kulo, ingazange yakhupha kwamirhumo yalo ingenabo nabulungu bubhalisiweyo, lelayo. Mhla ingcwatywayo akunakuze kube kwenziwe umhlola xa kubizwa bandla limbi kunelo ibimana ukubonwa isiya kungena kulo ukuba ingcwatywe lilo.

AmaRharhabe anebandla lawo elaziwa ngokuba yiRhabe kule mihla. Kodwa onke amabandla akhoyo kwelakwaRharhabe ngawamaRharhabe!

Inqaku lona ngokunokwalo akukho nto igwenxa linayo, kuba ke lichaza okwenzekileyo. Nombhali walo andifuni kumayamanisa nokuba ugwagwisa eli hlelo okanye ndimtyhole ngokulahlekisa.

Okona kuligxeke nexanasi kukutolikwa kweli nqaku ngokuba lithi iiKumkani zaseMpuma Koloni ngabapostile ngenene. Akunjalo, kwaye akumele ze kubenjalo nangayiphi na imini. AbaNtwanabahle ngabamahlelo onke, ngabemibutho yonke, ngabamaqumrhu onke.

Nabani na onekhwele ke ngoko unelungelo lokundila ihlelo lakhe ngomso lo usayo, ayokupha uKumkani loo nto acinga ukumpha yona, njengoko lenzile eli hlelo liphise ngomoya oyingcwele walo. Kwaye ukuba walile uMntwanomhle ukulamkela elo hlelo, woba uphambukile ke okwelo tyeli.

Naphaya ebaThenjini, nawuphi na umbutho wezopolitiko unelungelo lokuya kubambela intlanganiso yawo phaya ebhotwe, uphise ngezikipa zawo bafumane izinto zokulala abaNtwanabahle neentsapho zabo.

IiKumkani ngoomabandlonke hayi ihlelo elithile kuphela. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba