Umnyhadala wamaMpondo: Uzakunikwa imbasa emaMpondweni uWinnie Mandela

UMfanekiso woomama bexhentsa kumnyhadala wamaMpondo kok-2015, (ekunekene) ULumko Mtimde (ingqonyela yeUSAASA) noStella Ndabeni-Abrahams kumnyhadala ka-2015 IMIFANEKISO: Michael Pinyana

Uzakwamnkela imbasa yobugorha ngenxa yokuzinikela kumzabalazo welizwe loMzantsi Afrika, uWinnie Madikizela Mandela, kumnyhadala wesiNtu wesizwe samaMpondo eLwandlolubomvu eNtabankulu ngomso (umhla we-8 kule yoMsintsi).

Lo mnyhadala kulindeleke ukuba uzinyaswe ngamaqela omxhentso aphuma kumazwe afana neBotswana nalawo aphuma kwiphondo laseMntla Ntshona naseLimpopo.

Usomashishini waseMpuma Koloni owaziwayo, uSisa Ngebulana, uphakathi kwabo bazakuba benikwa iimbasa ngenxa yenxaxheba yakhe kuphuhliso loshishino eMpuma Koloni.

Lo ngumsebenzi wekomkhulu lamaMpondo aseNtabankulu phantsi kukaNkosi Jongilanga Sigcau ongunyana kongasekhoyo uNkosi Ntsikayezwe Sigcau.

Othethe egameni lelakomkhulu uNkosazana Stella Sigcau uthi basungula lo mnyadala benenjongo ecacileyo.

“Sikunye noNkosi Jongilanga Sigcau saqala lo mnyadala ngonyaka ka-2006 ngenjongo zokukhusela, ukugcina kwanokufundisa abantu ngamasiko,izithethe neendlela zokuphila kwesizwe samaMpondo,” ucacise watsho uSigcau.

Unozakuzaku welizwe laseBotswana kweli loMzantsi Afrika, uZenene Sinombe, uphakathi kosaziwayo abazakuba yinxalenye yalo mnyadala kwakunye nalowo wayesakuba ngunozakuzaku weli uCanada uMembathisi Mdladlana.

Imbasa ezizakuphuma apha zikwimingxilo eyahlukeneyo kwaye zibizwa ngegama likaNkosi Ntsikayezwe Sigcau (1947-1996)ongasekhoyo, oku kungenxa yendima yakhe kumzabalazo wenkululeko phantsi kombutho weANC kwanophuhliso lesizwe samaMpondo.

“Sikwa jonge ukutsala abakhenkethi logama sikwathengisa ikomkhulu lamaMpondo kule ngingqi kubantu abaphuma ngaphandle,sikwakhuthaza ukwabelana ngolwazi ngokwamasiko nezithethe, ukuze sonke sifunde ukumanyana nangona siphuma kumasiko nezithethe ezahlukileyo,” uthethe watsho uSigcau.

Baqikelelwa kwishumi elinesihlanu lamawaka abantu abazakuzimasa lomcimbi ukusukela ngomhla wesibhozo ukuya kumhla weshumi kule nyanga, itsho ingxelo.

Usekela mphathiswa wesebe leposi nonxibelelwano ngomnxeba kweli uStella Ndabeni uzakuba esenza intetho ephambili kulomcimbi. Ingxelo ithi lomnyadala ufumana inkxaso kumasipala waseNtabankulu kunye neNtsikayezwe Sigcau Foundation.

“UNjingalwazi Mzikazi Nduna weyunivesithi yaseWits uzakuba esamnkela imbasa ebizwa ngokuba yiQueen Mamjoli eyifumana ngenxa yenxaxheba yakhe kwinzame zokulwa ubundlobongela basemakhaya,”utsho uSigcau.