Umnyhadala weencwadi zabaNtsundu

Umnyhadala weencwadi

Umnyhadala weencwadi zabantsundu ufikile! Yiba nomfanekiso-ngqondweni wababhali abantsundu abangamashumi amane ubuninzi bedibene kwindawo enye, bezokuthetha ngeencwadi zabo kunye nokuphuhlisa izakhono zokubhala kwiAbantu Book Festival.

Lo mnyhadala uqala namhlanje uyokutsho ngoMgqibelo, eEyethu Lifestyle Centre, eSoweto.

“Ndiyithiye ngelika ‘Abantu’ ngoba bendidinwe kukusoloko ndicengana nabantu baseNtshona kwiinkqubo zabo zeencwadi. Bendifuna ukuphuma kuloo mililo yabo ndizenzele owam umlilo wabantu, ngabantu,” kutsho uThando Mgqolozana ongumbhali nongumseki walo mnyhadala.

“Pha kwiKrisimesi yoka-2015 ndabhalela abantu ngabantu ndicela inkxaso yemali yokwenza lo mnyhadala. Baninzi abathi hayi, baninzi kakhulu, kodwa zange ndityhafe. Bade babakhona abaza ngaphambili bezokusixhasa.

“Into endicaphukisayo yeyokuba iincwadi zam ezi ndizibhala ngabantu bakuthi endakhula nabo, phambi kwabo nakubo yeyokuba abazifumani ezi ncwadi zethu.

Kubabhali abazakuthatha inxaxheba kukho ooFred Khumalo, Dikgang Moseneke, Malaika Wa Azania, Florence Masebe, Khaya Dlanga, Xolisa Guzula, Bongani Madondo, Don Mattera nooLidudumalingani Mqombothi nabanye.

Umbhali waseMpuma Koloni, onguUnathi Magubeni kaNwelezelanga naye yinxalenye yalo mnyhadala:

“Yinto entle ukuba lo mnyhadala ukwazile ukuza kwindawo efana neSoweto, ngelizama ukuphuhlisa ukufundwa kweencwadi. Ababhali neencwadi zabantu zizakutsho zifikelele ebantwini aba sibabhalelayo xa sibhala iincwadi zethu. Ezi zinto kufuneka sizise apho sihlala khona, apho sikhululeke khona.”

Umququzeli walo mnyhadala okwanguye nombhali, uPanashe Chigumadzi, uthe: “Umxholo wethu kulo nyaka ngu ‘Amabali ethu’ – singabantu abantsundu sikhula ngamabali. Amabali sithi. Kulo nyaka uzayo sizakuba nomxholo ongu ‘iilwimi zethu’ – apho sakuthi siqwalasele ukusetyenziswa kweelwimi zesiNtu kwiinkqubo ezinje.”