Umnyhadala wokutya wokuqala eMthatha

 

Kwidolophu yaseMthatha kudederhu lweevenkile iBT Ngebs iza kube izintlobontlobo nezibiliboco zokutya xa iVinnie’s Grill Steak House iza kube okokuqala kwimbali yaseMthatha inomnyhadala wokutya. Lo mnyhadala uza kubanjwa ngomhla wama31kule nyanga sikuyo.

UVincent Vuyisekile Tshangana weVinnie’s Grill Steak House uthi esi sisiqalo nento eza kuqhubekeka rhoqo ngenyanga kaOkhthobha njengoko iyinyanga eyaziwa ngokubhiyozela ukutya. Uthi eyona njongo nentsusa yoku kukwazisa oosomashishini kwabanye oosomashishini kwanokuzama intsebenziswano phakathi koobhazabhaza beevenkile baseO.R.Tambo kwakunye nabavelisi bokulima basekuhlaleni.

“Silwa ukuphelisa into yokuba siyokulanda ukutya nenyama ngapha eMonti sibe sinazo phofu iindawo apha eO.R.Tambo ezivelisa ukutya nezisika inyama, apho bekungancedakala iihotele neerestyu. Sifuna lukhule uqoqosho kwaye kudaleke namathuba engqesho kubalimi basekuhlaleni,” utshilo uTshangana nowaziwa ngelikaVinnie.

Kulo mnyhadala kulindeleke iitafile ezohlukeneyo apho oosomashishini baseO.R.Tambo baza kube bepolisha izakhono ngokutya kwabo abakuphekileyo ukuqala phantsi de ivuthwe imbiza. Lo mnyhadala uza kuthabatha usuku lonke njengoko umpheki okanye umlimi eza kuqala kwisidlo sakusasa, esasemini ukuya kwesangorhatya ebonisa kuluntu.

Kwakulo mnyhadala kukwanikwe nabafundi abenza iHospitality beyunivesithi iWalter Sisulu, TVET zaseO.R.Tambo kwakunye nabapheki ithuba ekubeni bayokupolisha izakhono zabo.

UVinnie uthi isakhono sininzi eMthatha kwaye ufuna bonke abapheki, abasebenzi nabalimi badibane ngazwilinye besebenzisana ukuphuhlisa la mmandla. “Baninzi abantu abalimayo apha, abalima iitapile, iibhatata nezinye esifuna babenentsebenziswano noobhazabhaza beevenkile zaseMthatha. Ngoku senzela bazane, sifuna nobelima ayazi ngoku ukuba unevenkile aza kuthi ayokubeka kuyo isivuno sakhe. Sifuna umntu alime enethemba. Ayiyo nto ilungileyo into yokuba apha eMthatha neziphaluka xa sifuna inyama okanye ukutya kufuneka siyokuthenga eMonti. Sinawo amandla okuvelisa,” uvale ngelo uVinnie.

Okunye okuza kube kutsala umdla kulo mnyhadala kuza kuhonjiswa ibe ngathi ungaphakathi ehotele. Kuza kube kuhombisa abo bafundele ukuhombisa. Ukanti wena uthanda iwayini uza kubanalo nethuba lokuyingcamla.

UVinnie uvale ngelithi ufuna kubekho ubudlelwane koosomashishini baseMthatha kwakunye nabalimi balapha kuphuhliswe bona ngokweenzame zokukhulisa noqoqsho eMthatha.