Le ndibano iququzelelwe ngumbutho wephiko labafundi leANC i-SASCO, i-BDS kwakunye nebhunga elimele abafundi, kwaye ebekho unobhala wokuqala welizwe ophuma kumzi wozakuzo welizwe lasePalestina nalapho avakalise khona uchulumanco yinkxaso efunyanwa lela lizwe kweli loMdibaniso. Ukanti, okaMokonyane ukuthaze abafundi kwanabemi belizwe loMzantsi Afrika ukuba bachasane nenkqubo yonyhamnyheko egquba kwilizwe lasePalestina, bakhumbule intlungu elidlule kulo eli loMzantsi Afrika phantsi kwesandla esithe nkqi soontamo lukhuni.
Uthi umanyano lwabemi beli lizwe ukuchasana nocalu-calulo makube yinkuthazo kubemi basePalestina, kananjalo esithi urhulumente weli lizwe ukholelwa kwiPalestina enguzimele-geqe. OkaMokonyane uligxibhe kabukhali ilizwe lakwaSirayeli ngento ayibiza ngokuba kukusebenzisa amanzi njengesixhobo semfazwe. Uthi elakwaSirayeli litshatshele kubuxhaka-xhaka bale mihla bokuqubisana nomngeni wokunqongophala kwamanzi, kodwa noko kunjalo lixhamla lodwa kule nkqubela lo gama kukho iintsapho ezijamelene nobunzima kwelasePalestina.
Uthi, okwenzeka kwela lizwe kumkhumbuza imbali yabantsundu eMzantsi Afrika ngethuba besenziwa amakheswa ngokubekwa kwiindawo ezingamaphandle ekunqongophele amanzi kuzo, nto leyo ibabeka esichengeni sezifo ezifumaneka kumanzi angacocekanga kwanokungabi nakho ukuya esikolweni.
Kuthe kanye xa egqibezela intetho yakhe umphathiswa kwaphakama nenekazi lithile liphethe iflagi yelizwe lakwaSirayeli sele lisithi “ndicela ukubuza umbuzo”.
Oka Mokonyane ulivumele ukuba libuze, nalapho liye labuza ukuba “ingaba unolwazi na lokuba ilizwe lakwa Sirayeli linyanga abantu abaliqela basePalestine?”
Umphathiswa uphendule ngelithi “uSirayeli uselungelweni lokunceda, akenzi sisa xa enyanga abantu basePalestine, kungangcono xa amaPalestina anganikwa ilungelo lokubuza umbuzo kwintlanganiso zakwaSirayeli njengokuba nawe sikunike ilungelo lokubuza umbuzo kwintlanganiso yethu. Uzube kanti uzuqaphele ukuba umnye phakathi kwethu sibaninzi kodwa thina asizoku qhushumbisa njengamaSirayeli ,thina asikuqumbelanga.”
Le ndibano iqhuba kanye kwiveki yokuqaphela ubunye obubonakaliswa kwilizwe lase Palestina.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!