UMongameli udlulisa amazwi ovelwano kwisizwe sakwaRharhabe

IKumkanikazi yamaRharhabe uNoloyiso Sandile ukhothamile UMFANEKISO : BHEKI RADEBE

UMONGAMELI Cyril Ramaphosa udlulise amazwi ovelwano kwisizwe sakwaRharhabe emva kokukhothama kweKumkanikazi uNoloyiso Sandile, olandulele eli ngoLwesithathu kulandela ukungeniswa kwisibhedlele iCecilia Makiwane ekhala ngomkhuhlane.


Le Kumkanikazi ibingeniswe kwesi sibhedlele ngoMvulo, utshilo uNkosi Xhanti Sigcawu ethethela isizwe sakwaRharhabe kwiKomkhulu iMngqesha eQonce.

Noxa nje isizwe singaphumelanga elubala malunga nonobangela wokukhothama kweKumkanikazi, kodwa uSigcawu uthe baza kulinda ingxelo ezeleyo esuka kugqirha ngoLwesine.

“Asikhanyeli kwelokuba kungenxa yeCovid-19, kodwa sifuna ingxelo egcweleyo kugqirha wakhe.

“Sothukile ukuva ukuba ulandulele eli. Silusapho siza kuhlangana ngoLwesine ukuxoxa ngomkhombandlela oquka ukuba iza kubekwa nini kwikhaya layo lokugqibela iKumkanikazi,” utshilo uSigcawu.

URamaphosa uthi iKumkanikazi ibiyinkokheli ekholose ngezithethe zaseAfrika kwaye eyintshatsheli yokumela ilizwi lamakhosikazi asezilalini.

“UKumkanikazi Noloyiso udlale indima ebalulekileyo ekuzinziseni ulawulo lobukhosi nakubunkokheli boMzantsi Afrika uphela. Phantsi kwesikhokelo sakhe, AmaRharhabe akwazile ukuhambelana notshintsho lwezinto ezenzeka kula maxesha ekwenza oko ebambe imbali, amasiko nobuni bawo,” utshilo uRamaphosa.

IKumkanikazi iqale ukuxhuzula imikhala yokukhokela isizwe sakwaRharhabe ngethuba kukhothama umyeni wayo uKumkani Maxhobayakhawuleza Sandile ngo2011. 

Le Kumkanikazi ikwigazi elinye ngesiko nokuzalwa neKumkani yamaZulu, uGoodwill Zwelithini.

UMongameli weUDM uBantu Holomisa naye udlulise amazwi ovelwano, ekhumbula mhla wayekhaphe uKumkani Maxhobayakhawuleza Sandile beyokufuna umfazi kwaNongoma.

 “Hamba kakuhle Nkosazana. Usebenzile. Inga umphefumlo wakho ungaphumla ngoxolo,” kubhale uHolomisa kuFacebook wakhe.

USigcawu ukhumbuze isizwe ukuba kuphilwa phantsi kwexesha elibi leKhorona.

“Kwisizwe sithi masiyazi ukuba siphantsi kwexesha elibi ngoku, kwaye kubalulekile ukuba isizwe siqaphele. Sithi abantu besizwe mabalandele imiqathango ebekiweyo ngurhulumente,” utshilo uSigcawu.