UMongameli waseRwanda: ‘Uyaxoka uRamaphosa’

UMongameli waseRwanda uPaul Kagame ubanga ngelithi uMongameli woMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa uyaziguqula iincoko ebekhe waba nazo nayo kumajelo eendaba.

UMongameli waseRwanda, uPaul Kagame, uthi ube neengxoxo ezimbini noMongameli uCyril Ramaphosa malunga nokwenzeka kwimpuma yeDRC. Uthi into ethethiweyo ngezi ncoko kumajelo eendaba ngamagosa oMzantsi Afrika noRamaphosa ngokwakhe iqulethe okuninzi okugqwethekileyo, uhlaselo lwangabom, kwanobuxoki.

UKagame uphendule ingxelo kaRamaphosa malunga nemeko yaseDRC. Lo kaRamaphosa uthe: “Emva kokuqatsela komlo wakutsha nje kwimpuma yeDRC, uMzantsi Afrika uphulukene namajoni alishumi elinesithathu akhaliphileyo ebezinikele kumsebenzi wawo kwaye azibophelele ekuqinisekiseni uxolo.

“Umlo usisiphumo sokuqatsela kweqela labavukeli iM23 kunye neRwanda Defence Force (RDF) enamajoni angabemi abangengomajoni aqeqeshiweyo ahlasela umkhosi iArmed Forces of the DRC (FARDC) nabagcini boxolo abaphuma kumbutho weSADC eDemocratic Republic of Congo (SAMIDRC),” utshilo uRamaphosa.

UKagame uphendule wathi: “IRwanda Defence Force ngumkhosi, awungomkhosi wamajoni angabemi abangengomajoni aqeqeshiweyo. I-SAMIDRC ayingomkhosi wokugcina uxolo, kwaye ayingeni ndawo kule meko. Yagunyaziswa yiSADC ukuba izibandakanye kumaphulo okulwa ukunceda uRhulumente waseDRC alwe nabantu bakhe, esebenzisana namaqela axhobileyo anoxanduva lokubulala abantu abaninzi abanjengeFDLR edelelela iRwanda, ngelixa ikwagrogrisa ngokuyisa imfazwe eRwanda.”

Uqhube wathi, “I-SAMIDRC iwugxothile umkhosi ogcina ucwangco lokwenyani, iEast African Community Regional Force, kwaye oku kube negalelo ekusileleni kweenkqubo zothethathethwano.

“UMongameli Ramaphosa zange anike ‘isilumkiso’ salo naluphi na uhlobo, ngaphandle kokuba usinikezele ngolwimi lwakhe lwenkobe endingaluqondiyo. Uye wacela inkxaso yokuqinisekisa ukuba umkhosi waseMzantsi Afrika unombane owaneleyo, ukutya kunye namanzi, nto leyo esiya kuthi sincede ngokusasaza ilizwi.

“UMongameli Ramaphosa undiqinisekisile ukuba iM23 ayizange iwabulale amajoni oMzantsi Afrika, iFARDC yawabulala. Ukuba uMzantsi Afrika ufuna ukufaka isandla kwizisombululo zoxolo, kulungile, kodwa uMzantsi Afrika awukho kwisikhundla sokuthabatha indima yokudala uxolo okanye ukuba ngumlamli. Kwaye ukuba uMzantsi Afrika ukhetha ukungqubana ngeentloko, iRwanda iza kujongana noku ngolo hlobo naluphi na usuku,” utshilo uKagame.