Inkulumbuso yelizwe laseLesotho uPakalitha Mosisi, ugxeke ngokumandla umongameli welizwe loMzantsi Afrika uJacob Zuma ngokukhusela ilizwe loMzantsi Afrika kuxinzelelo lamazwe ehlabathi kwanenkundla yehlabathi International Criminal Court (ICC) malunga nomcimbi ka-Omar Al Bashir.
Ezi zigxeko zilandela ingxelo ekhutshwe ngumbutho wamazwe akumazantsi we-Afrika Isadc ngelinyanzela lo kaMosisili ukuba amkele ingxelo yalo mbutho ngokungabikho kozinzo eLosotho.
I-SADC yamisela ikomishoni ka- Mphaphi Phumaphi ukuba iphande imeko engazinzanga yezopolitiko kwilizwe laseLesotho emva kwenzame zemibutho ephikisayo izama ukubhukuqa lo kaMosisili, kwanesiganeko sokubhubha kwenkumanda yomkhosi wela lizwe uMaaparankoe Mahao.
Le nkulumbuso yenza inzame zokuba ingayamnkeli le ngxelo ikhutshwe yikomishini Phumaphi ngelithi ibingekho mthethweni.
Ukanti SADC yenze inzame zokuthumela usekela mongameli weli uCryil Ramaphosa ukuba angenelele ukucenga le ndoda ukuba iyamnkele le ngxelo, kwaye aqhubele phambili ezi zigqibo.
Le komishoni iqukumbele umsebenzi wayo ngenyanga ka- Oktobha wonyaka ophelileyo.
Lo mbutho ude wakhupha izoyikiso zokuba uzakuligxotha ela lizwe laseLesotho kulo mbutho ngenxa yokungavumi ukuthoba kukaMosisili. UZuma uvele kumajelo eendaba esithi umbutho weSADC uzakuyikhupha le ngxelo ukuba lo kaMosisili akavumi kuyikhupha le ngxelo.
Lo kaMosisili utyhola uZuma ngelithi ubhale incwadi ecenga inkundla yolwaphulo mthetho kwihlabathi ukuba yenze ngenceba ngakwizityholo zokuba uMzantsi Afrika ngokusilela ukubamba * -Al Bashir.
Uhambisa athi, uZuma ungungcothoza osoloko ecenga ukuthandwa ngamandla ngoorhulumente bangaphandle ngokuthengisa ngabantu base-Afrika.
“Uphi umahluko kwezi ziganeko zibini, kuba ukunikisa ngelizwe laseLesotho kwiSADC nokukhusela ilizwe laseMzantsi Afrika kwi-ICC yinto efana yonke leyo,” utshilo * -Al Bashir.
siyabulela.mqikela@inl.co.za
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!