i-ofisi kaMongameli idize uGqirha Bongani Ngqulunga njengesithethi esitsha sikaMongameli Jacob Zuma.
UNgqulunga, okwasebenza njengentloko ye-ofisi yabucala kaZuma, uqale kulo msebenzi ngokusesikweni izolo.
Le ndedeba ingena endaweni kaBongani Majola, oqale ukuba sisithethi sikaZuma kunyaka ophelileyo emva kokuba ethathe umhlala-phantsi uMac Maharaj, obefudula esisithethi sikaZuma.
Le ofisi ithi uMajola uzakuba ngumlawuli oyintloko kwicandelo lezonxibelelwano kwakule ofisi kaZuma.
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!