Umothuko kuvele omnye umlilo kwaKupelo

Abasebenzisi bamakhasi onxibelelwano bashiyeke bebambe ongezantsi ngokuhlwa kwangoLwesibini emva kokuba isithethi kurhulumente wephondo uSizwe Kupelo evakalisa kuFacebook ukuba nazo izicima-mlilo zilukrozo ziyokucima umlilo kowabo kwakhona.

Oku kuza emva kwesihelegukazi sokutsha kwekhaya likaKupelo eMkhankatho eLibode ngeCawe apho kushiyeke umonakalo obalelwa kwi-R160 000. Lo mlilo utshabalalise izinto ezifana nokutya kweenkomo, indlu emagumbi mane, iintango, izixhobo zomzi kwakunye neempahla zokunxiba.

Kumlilo wangoLwesibini uKupelo udize ukuba ukrokrela ukuba kuvuke lowo wangeCawe.

“Kuthe kanti ubuvuswa ngumoya, izicima-mlilo ziye zafika zacima kwakhona umsi,” kutsho uKupelo. UKupelo uthi imeko izinzile kowabo kwaye bayamthemba oPhezulu.

Kumlilo wangeCawe, ongazange wonzakalisa mntu, uKupelo wadiza ukuba bakrokrela intlonti eyenziwa ngabantu abanomona.

Abasebenzisi bakaFacebook abakhange bachithe xesha, bebonakalisa imfesane kwishangusha elambethe umzi wakwaKupelo. Bambi bebetyhola ukuba inokuba sele inguVutha lo, lo gama abanye bebebongoza uKupelo ukuba aqiniseke emthandazweni.

UKupelo waziwa kakhulu ngesisa sakhe esele sinabele kwiphondo lonke laseMpuma Koloni kulandela ukuseka iSizwe Kupelo Foundation enjongo zayo ikukunceda abantu abangathathi-ntweni.