Umoya omdaka kubafundi baseSajonisi

Abafundi besikolo samabanga aphantsi iRoma kumbindi wedolophu yaseSajonisi baxakene nomoya ombi wokutshintshwa kobuntu babo babezizilwanyana ezinamandla wokohlula nantoni na ephazamisana nabo.

Le nto kulen dawo ibizwa ukuba ngaMakhosi, kwaye ithengwa kwiindawo ezahlukileyo kwakule dolophu.

Usekela sihlalo kwiSouth African Council Of Churches kuWadi 8, uNikelwa Nogada uthi bacebele ukuba benze umthandazo obanjwe kwiveki ephelileyo nobujolise ekulweni nale mimoya kuba iphazamisana nezifundo zabantwana kunye nootishala ngamaxesha okufunda. “Le nto ibanika igunya lokulawula nakubani na, kuba bagragrama okweengonyama bambi bajika barhubuluze okweenyoka bejonge ukubetha wonke ubani baphele besoyika notishala ayintlanga imeko yesikolo,” kutsho uNogada.

Impawu zomntwana onalo moya ubonakala ngokufuna ukulawula kontangandini, angamameli nakwigumbi lokufundela, umntu omdala akathotyelwa kungenjalo ukuba uphazamisana naye ujika abengumbtu omdala kwayena ejonge ukukungomba khona ukuze kuzolawula yena.

Umfundi ocele ukuba malifihlwe igama lakhe uxelele eliphepha ukuba lento ithengwa kwakufutshane nesikolo kwanexabiso layo liyafikeleleka kuba badibanisa imali ithengwe ngomnye wabo aphokozele banye.

Inqununu yesikolo uSindisile Noxhaka uthi noxa nje kuyinto emana ukuvela ngeloxesha, kususela oko kuthe kwakho umthandazo imeko isazinzile akukabikho nto ixhomisa amehlo.

“Iyasixhalabisa kakhulu le mimoya kuba bayifumana kubantu abaninzi kwalapha edolophini kwaye lowo uyifumeneyo uyakwazi ukuyidlulisa kwabanye, izifundo besezingaqhubi ngendlela eqhelekileyo kuba isuka ivele nje ingalindelekanga,” kubeka uNoxhaka.

Le nqununu iqhube yathi lento iyakwazi ukubayintambo efakwa esinqeni, ubukhazi-khazi obufakwa emqaleni (Necklace) okanye ixutywe nebranti iselwe ngaphakathi.

“Awuphumi ke lomoya kwabantwana de kubekho umntu ozakuwukhupha kuba awuzipheleli, isisokolise kakhulu ukuqala kwayo le nto ukususela kulo nyaka uphelileyo,” unabise watsho uNoxhaka. Noxa bengekamboni nje umthengisi wayo kodwa uthi kuvakala ukuba ngummi wangaphandle lo ushishina ngalo moya umdaka nokwahlala kwalapha esixekweni.