Umphathi ubaleka nemali yabasebenzi

Mna ndingumsebenzi apha eKapa. Bendisebenzela inkampani yoonogada, igama layo nguProexec Security Network. Umnikazi ubaleke neemali zethu, singabasebenzi bakhe. Uselapha eKapa kuba yona inkampani isaqhubeka ukusebenza. Lo mfo sayommangalela kwaLabour, wafowunelwa, akayibambi nalo fowuni yakhe kwaye watshintsha nezo ofisi zakhe kuba bezikade zizinze eSea Point. Ndithetha nje asazi nomkhondo woba ziphi.

Zona iimali zabantu zisekuye nanamhlanje, abantu bayalamba kunzima, abanye abakafumani naloo misebenzi, kwaye lo mfo uGeoff Levy ebengayibhatali kwalo Provident Fund phofu wabe ethe gqolo ukuyitsala ebantwini. Eyona nto ibuhlungu kunabantu abaneminyaka emininzi bephangela kule nkampani yakhe kodwa baphume bebambelele ngaphambili .NDIYACELA BETHUNA NIZAME UKUSINCEDA SIFUMANE IMALI ZETHU KULO MFO, KUNGENJALO UMTHETHO UDLALE INDAWO YAWO ABHADLE EJELE UKUBA AKABHATALI IMALI ZETHU.