UMphathiswa uGomba ‘akhange asuzele’ kumabonakude

UMphathiswa wezeMpilo ephondweni uSindiswa Gomba
UMPHATHISWA wezeMpilo eMpuma Koloni uSindiswa Gomba “akhange asuzele” kumabonakude, litshilo isebe lezeMpilo ephondweni.

Oku kuza emva koshicilelo olujikeleza kumaqonga onxibelelwano lubonisa lo Mphathiswa ethetha nejelo likamabonakude iSABC. Kolu dliwanondlebe, uGomba ubonakala ebuqhuzuka futhi exolisa. Koku kuxolisa ukhatshwa sisandi esivakala njengeso sinomsuzo.

Isithethi sezeMpilo ephondweni uSizwe Kupelo uthi olu shicilelo, lubonisa uGomba enga uxolisa ngenxa yokusuza, alusekezelwanga kwinyaniso.

“UMphathiswa ebexolisa ngokubhuda igama. Emva kokubhuda igama usebenzise imilebe. Iqela likamabonakude lingakungqina okokuba (akukho Mphathiswa usuzileyo),” utshilo uKupelo.

Esi sandi “somsuzo” sifuna ukubonakalisa uMphathiswa njengomntu ongabaxabisanga abantu, utshilo uKupelo.

UKupelo ukhuthaze uluntu ukuba lugxile ekuzikhuseleni kwintsholongwane yeKhorona ngokuthi luhlambe izandla rhoqo futhi lugxile ekuzikhwebuleni ekudibaneni nendimbane yabantu. Xa umntu ephuma endlini kufuneka anxibe imaski, utshilo uKupelo.