Umphathiswa ugxeka ukuhlaselwa kweeAmbulensi

Umfanekiso oselugcinweni

UMPHATHISWA wezempilo eMpuma Koloni uHelen Sauls-August ubhengeze ukuba iinkonzo zeAmbulensi ziza kubandakanya abezomthetho ukuqubisana nezehlo zokuhlaselwa kweeAmbulensi xa zisabela kubantu abonzakeleyo kwanabo bagulayo.


Kwezi veki zine zidlulileyo kuhlaselwe iiAmbulensi ezilishumi elinanye ngethuba zisabela kwimiba yongxamiseko okanye zilayishe izigulana. Iindawo ekuhlaselwe kuzo iiAmbulensi ziquka iMzamomhle, Qoboqobo, Dimbaza, Ngqushwa, Qonce, Dikeni, Bhofolo, Tsholomnqa naseDuncan Village. 

 

Isithethi sikaSauls-August uLwandile Sicwetsha, uthi izehlo zokuhlaselwa kwezi Ambulensi zibikwe kwizikhululo zamapolisa apho senzeke khona isehlo.


 “Noxa nje kungekho mntu ubhubhileyo kwezi zehlo, kodwa [la matyala] siwadlulisele nakwibutho lezobuntlola,” utshilo uSicwetsha.


USauls-August ukugxeke ngokumandla ukuhlaselwa kweeAmbulensi esithi kubeka emngciphekweni ubomi bamagosa kwanobo bezigulana.


“Iinkonzo ezingxamisekileyo zikho ukusindisa ubomi babo badandathekileyo kwaye bahlelelekileyo befuna unyango olukhawulezileyo kumaziko ethu ezempilo. Ukuhlaselwa kweeAmbulensi kuthetha ukuba kuza kuncipha ukubona iiAmbulensi zisabela kwiminxeba engxamisekileyo,” kutsho uSauls-August.


UMphathiswa ucele uluntu ukuba luzibike kumapolisa nasesebeni izehlo zokuhlaselwa kweeAmbulensi. Inombolo yamapolisa ngu 08600 10111 ze eyesebe lezempilo ibengu 0800 032 364.