UMphathiswa uJackson Mthembu ubhubhile ngenxa yeCovid-19

UMPHATHISWA kwiOfisi kaMongameli, uJackson Mthembu, ubhubhile ngenxa yeCovid-19.

Ukubhubha kukaMthembu kuvakaliswe nguMongameli Cyril Ramaphosa kwimbalelwano ayenze emva kwemini ngoLwesine.

“Iingcinga kwanemithandazo yethu ikusapho lwakhe. UMphathiswa uMthembu ebeyinkokheli engumzekelo, itshantliziyo kwanomntu obekholose ngenkululeko kwanedemokhrasi ubomi bakhe bonke.

“Ebethandwa kakhulu futhi eliqabane kwanogxa ohloniphekileyo, nalapho ukubhubha kwakhe kushiya isizwe silambatha. Ndidlulisa amazwi ovelwano kusapho lwalo Mphathiswa, oogxa bakhe, amaqabane wakhe kwanabahlobo bakhe bephela,” utshilo uRamaphosa.