UMphathiswa uNyhontso useJamani

UMphathiswa uMzwanele Nyhontso phakathi kwabaphathiswa bezolimo behlabathi abadibene eJamani.

UMphathiswa weSebe lohlengahlengiso lomhlaba nophuhliso lwamaphandle kweli, uMzwanele Nyhontso, useJamani ukuya kuba yinxalenye yabaphathiswa bezolimo behlabathi.

LokaNyhontso wamkelwe ngokusemthethweni nguMphathiswa wezolimo eJamani, uCem Ozdemir, ngaphambi kokuqala kwenkomfa eBerlin.

UNyhontso wamkelwe ngunozakuzaku weli eJamani, uStone Sizani, ephelekwa nguNjingalwazi Gilingwe Mayende ongumcebisi eofosini yakhe.

Le yinkomfa ebanjwa minyaka le ngeenjongo zokunika abaphathiswa bezolimo kwihlabathi ithuba lokuba bashukuxe imicimbi yezolimo.

“Le nkomfa ijoliswe ukuqhubela phambili ezolimo ngaxeshanye kukwakho umbono wokukhulisa uqoqosho lwasemaphandleni ngokusebenzisa ezolimo,” kutsho uNyhontso.

Ethetha ngethuba kuvulwa le nkomfa, uNyhontso uthi ulimo lasezilalini okanye emaphandleni maluncedise ukuguqula imeko yentlalo yasemaphandleni.

UMzwanele Nyhontso, Stone Sizani, John Steenhuisen kwakunye noNjingalwazi Gilingwe Mayende.

“Sijonge ukusebenzisa eli thuba ukukhangela amathuba amatsha okuzama ukukhulisa ezolimo ukuze zincedisane neenzame ezintsha zokwaziswa kwendlela zalamaxesha,” utshilo uNyhontso.

Uhambisa athi amafama asemaphandleni mawanikwe ithuba lokuthatha inxaxheba ekuthengiseni iimveliso zabo kwinqanaba eliphezulu. Le yinkomfa yamashumi amabini ebizwa ngokuba yiGerman-African Agribusiness Forum.

Ilizwe laseJamani kudala lisebenzisana noMzantsi Afrika ukusukela emva kwemfazwe yokuqala yehlabathi. Zinizi iinkampani zaseJamani ekukudala ziqhuba ushishino kweli loMzantsi Afrika eziquka ezo zithengisa amayeza emfuyo, iimbewu kwakunye nezichumiso. Iinkampani eziquka uBayer-Bayer zezinye zeenkampani ekukudala zikweli loMzantsi Afrika.

IJamani lelinye lamazwe ahamba phambili kwezolimo ngokuvelisa iindidi ezininzi zezixhobo zokulima nokufuya.

Le nkomfa iqale ngomhla wamashumi amabini kule nyanga.