Umphathiswa unyuse izibilini kwabarhola indodla

Uxanduva lwesebe kukuhlala lithe qwaa, Uxanduva lwesebe kukusebenzisana nabantu, Uxanduva lwesebe kukulungisa lihlaziye, apho inkonzo ziphelelwa khona Uxanduva lwesebe kukuxhasa nokunonophela inkonde nenkondekazi, Uxanduva lwesebe kukunikezelwa kwenkonzo ezihlanganyelweyo kubantu abakhubazekileyo kanye naba banonophelayo, Injongo yokunikezelwa kothotho nembumba yenkonzo zophuhliso kuluntu, Kukuxhobisa nokunika amandla abantu abahlelelkileyo nabahluphekayo, Ndawuthi ukujonga akunjalo.

Akuntsuku zatywala lenyele idolo lenkonyane, Umhla mnye ngowokuqala kuTshazimpuzi, Sicel’imali yethu yendodla, Imali esayiphiwa ngurhulumente, Inkokheli mazingazibonakalisi ubunganga ngemali yoonontlupheko, Ubungangamsha benkokheli mabungachaphazeli izilambi, Siyalazi izwi lexhewukazi alivakali, Inkonde nenkondekazi mazinganyuselwa swekile ngenjongo engento, Amaphaphu aphezulu kwinto zikaThixo, Lumkelan’umsind’ozayo.

Malivakale izwi lika Nontlupheko, Malivakale izwi lehlwempu, Malithathelwe ingqalelo izwi lesilambi, Isebe lophuhliso loluntu malingabajongi libeye abantu bendodla, Makungakhawulezi umsindo kumphathi, Wabil’Umfazi wathuk’intatheli Warhabaxa warhwexu zimpheka zimophula, Sifuna impendulo hayi umsindo osembonjeni, Ibala elibi nelimdaka lizakuhlala kurhulumente hayi kumphathiswa, Urhulumente makangatsaliswa kanzima ngabantu abathile ngenxa yenkohlakalo nokungakhathali.

ZINGASUZELA ZITYEBILE Ukunyukelwa ngumsindo akuzunceda nto, Kubekiselaphi kongena nto xa kunomsindo abahluthiyo, Nkonzo mazize ebantwini njengesithembiso, Makungabi ngasa kube nesikhalo, Masiyixhamle ngokulinganayo le nkululeko, Le nkululeko mayingenziwa eyosopolotiki, Le nkululeko ngeyethu sonke, Inkokheli ebonakalisa inkathalo engekhoyo nokungahloniphi abantu abahluphekayo njengenkokeli mayiwe. Sonke sixakekile, sonke silambile, Ukujongelwa phantsi komntu olambileyo nokhubazekileyo makubhange, Ubuthongo abusehli kwinto zikaThixo, Alal’ephenduka torho amaxhewukazi, Isikhundla xa sikusinda sishiye ungekasishiyiswa ngenkani , EZIMLINGANAYO MAKAZINXIBE, NDIMKILE.