UMphathiswa usathe xha ekutyeleleni usapho olubulawelwe umntwana lipolisa

Usapho lukaPhumza lunxunguphele emva kwesiganeko sokubulawa kwakhe lipolisa ngompu.

Kapa: Uncame walunqumamisa utyelelo lwakhe kusapho lwenenekazi elidutyulwe labulawa lipolisa kwilokishi yaseCrossroads kweli leKapa usekela mphathiswa wamapolisa kuzwelonke uMaggie Sotyu, oku kungenxa yodushe olugquba kula ngingqi.

Lo sekela mphathiswa ubekwindibano kunye nabathathi-nxaxheba kwicandelo lesipolisa kwindibanisela yezikhululo zamapolisa aseKhayelitsha, nalapho ebeyokufezekisa isithembiso sakhe emva kwentlanganiso awaye nayo kunyaka ophelileyo.

Oka Sotyu uphume kule ntlanganiso ediza ukuba uya kutyelela usapho lukaPumza Pita ekutyholwa ngokuba udutyulwe wabhubha lipolisa ngethuba bekwindawo yokuzonwabisa kula lokishi.

Iingxelo zidiza ukuba elinenekazi beline minyaka engamashumi amathathu anesine ubudala, libe lixhoba emva kokuba kugaleleke amapolisa eyokuvala indawo ebebekuyo nalapho kudizwa ukuba yindawo ethengisa utywala ngaphandle kwemvume.

Abazibonele ngamehlo bathi amapolisa afikile azama ukukhuphela ngaphandle abantu ebebengaphakathi, nalapho uPumza aye wafuna ukuqonda ukuba bakhutshelwa ntoni, kudizwa ukuba ndaweni yokuphendula ipolisa elithile liye lamqhwaba ngempama nalapho athe akuphendula ngelithi “qhwaba nakwelinye icala” suka ipolisa elo lakhupha umpu lamdubula.

Lo uzibonele ngamehlo uthi “imbumbulu yokuqala imchane emlonyeni uPumza, laphinda ladubula imbumbulu ezilandelelanayo ela polisa ebusweni. Imbumbulu elidubule ngazo zintandathu xa ziphelele, kwaye zonke zimchane ebusweni.” Kuvakala ukuba umntakwabo ixhoba waye wazama ukunqanda eli polisa lidubula udade wabo suka lawujolisa ukuye umpu limchana entloko nalapho wabalekiselwa esibhedlele ngokukhawuleza.

Abahlali baseCrossroads baqalisa ukuqhankqalaza kula lokishi bevakalisa ukungabi nathemba ngasemapoliseni. Benza imigushuzo bade baya nakwisikhululo sabo samapolisa nalapho bagrogrisa ukusitshisa kwade kwangenelela amapolisa abachitha-chitha ngeembumbulu zerabha.

UPumza ushiya ngasemva unina, uninakhulu, umnakwabo oye wadutyulwa lipolisa kwakunye nabantwana abathathu.