UMphathiswa uXasa useFingoland

UMphathiswa uXasa ngethuba etyelele ooSodolophu eBhayi UMFANEKISO: Sisonke Mlamla

 

Uzakutyelela iiNkosi zengingqi yaseFingoland iGcuwa neNgqamakhwe uMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli kweli phondo uFikile Xasa. 


Ingxelo yela sebe ithi lo mphathiswa uqalise ukujikeleza kumakomkhulu aquka iindawo zeeKumkani kunye neeNkosi kweli leMpuma Koloni. 


Othethe egameni lela sebe uMamkeli Ngam, uthi banenjongo ngokwenza olu tyelelo.  “Injongo ephambili yolu tyelelo kukuqinisa amaqhina ozakuzelwano phakathi kwesebe kunye namakomkhulu,” uthethe watsho uNgam. 


Uthi bafuna ukwazi ukuba iinkonzo abazinika ezi nkokheli zemveli zihambelana nengxaki zala makomkhulu kusini na.  “Iinkqubo zethu, nemithetho esilawulayo nathi silisebe inyanzelisa ukuba singazishiyi ngasemva iiKumkani neeNkosi xa sisebenza, kufuneka sibazi ukuba badinga uncedo olunjani ukuze siye phambili sibambene,” utshilo uNgam.

 

Kunyaka ophelileyo, uXasa utyelele amakomkhulu weeKumkani ahlukeneyo kweli phondo esiya kumamela iingxaki zabo, itsho ingxelo. 


”Amagosa kamasipala abayinxalenye yale ndibano, kuquka namagosa aphuma kumasebe karhulumente, iiNkosi zisoloko zikhala ngokungahoywa, kukwakho nemithetho ekumele ukuba sicaciselane ngayo kakuhle ukuze siqonde ngokufanayo,” uthethe watsho. 


Lo mphathiswa ekuqaleni kwale veki ebekutyelelo kumasipala waseNgcobo ngeliya kumamela iingxaki zabahlali kwimicimbi yokugqithiswa kweenkonzo. Ukuthetha nomphathiswa uFikile Xasa kusoloko kuyinto ephambili kwiminqweno yeeKumkani neeNkosi zeMpuma Koloni.

 

“Asikwazanga ukutyelela umasipala waseSajonisi kule veki ngenxa yokuba sithathe ngaphezu kwexesha ebelisikiwe eNgcobo, ngoko ke siya eSajonisi kwiveki ezayo,”ucacise watsho uNgam. IiNkosi zengingqi yaseFingoland ziquka amaBhele, ooRhadebe, amaNala nezinye zamaHlubi ngokubanzi.