UMphathiswa: Yithani pe!, USomlomo: Pe!

KWINTLALO yasemakhaya, umzali uthi akubona ukuba umntwana uphuma ecaleni amfungele iintshiya ngeenjongo zokumoluleka okanye ukumbonisa ubugwenxa.

Uthi ke akuba emdwelisele izinto ezibangela ukuba amfungele intshiya, amxelele ukuba into efunekayo kukuba enze okulungileyo. Xa ke umzali efuna ukuqonda ukuba umntwana lo uvile ngenene kwizeluleko, uye athi “yithi pe” .

Ngelokubonakalisa ukuba uvile umntwana, kufuneka atye tyum, kungenjalo xa esithi “pe” ubonakalisa ukungawuthobeli umyalelo okanye izeluleko.

Kunjalo ke nakuMasipala weSithili iOR Tambo ezinze eMthatha, apho urhulumente wephondo ebhengeze ukuba uyalichitha ibhunga lalo masipala.

USomlomo webhunga laseOR Tambo, uXolile Nkompela, uthi lo masipala uza kuhlala elibhunga elisesimeni, kuba isigqibo sokuchithwa kwawo ngurhulumente wephondo “asisekezelwanga emthethweni”.

UMphathiswa weNtsebenziswano kuRhulumento kwakunye neMicimbi yeMveli eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, ubhengeze isigqibo sokuchithwa kwebhunga laseOR Tambo phantsi kwesolotya lomthetho weCandelo 139 (1)(c) loMgaqosiseko, elivumela urhulumente ukuba alichithe ibhunga likamasipala xa izinto zingahambi kakuhle ngokuphathelene kulawulo.

Xolile Nqatha UMFANEKISO: FACEBOOK

Ngezizathu azidwelisileyo uNqatha, uthi isigqibo sokuchithwa kwebhunga likamasipala siza emva kodulubhentsu wokungavisisani phakathi kweenkokheli zezopolitiko kulo masipala.

Ngomhla wesithoba kwinyanga ephelileyo, ayekhutshiwe nguNqatha amaxwebhu weenjongo zokubiyela lo masipala ngeCandelo 139 (1) (c), ze asiwa kuSomlomo noSodolophu ngomyalelo wesigqeba sephondo. “Bobabini uSomlomo noSodolophu banika iingxelo ezikhabanayo,” kutsho isebe.

UNqatha uthi eli bhunga lisilele ekunikeni ingqwalasela imigqaliselo yangaphakathi apho uNkompela ethe wayela ooceba abalishumi elinesibhozo “abagxothiweyo” ukuba bathabathe inxaxheba kwiindibano zebhunga.

“Oku kuyakhabana neCandelo 160 (3) loMgaqosiseko kwanokukhabana noMthetho weZiseko zikamasipala malunga nenani eliqingqiweyo lokuthabatha izigqibo zebhunga. Ngomhla wama30 kweyeSilimela 2021, ooceba abagxothiweyo bathabatha isigqibo sokuphumeza uhlahlo lwabiwomali,” kutsho uNqatha.

UNqatha ukwathe uSodolophu walo masipala uThokozile Sokanyile ekunye nesekela lakhe, balwa enkundleni ngelithi bakhusela imidla kamasipala.

“Eli dabi lasenkundleni litya izigidi ngezigidi zeerandi. Ingxubakaxaka kurhulumento lukamasipala ikhokelele ekuchithweni kweR100 000 ngenyanga kwimali yoonogada bokugada iGosa eliyiNtloko kwezeZimali.”

Xolile Nkompela UMFANEKISO: FACEBOOK

Kodwa uNkompela uziphikisile izinto ezithethwa nguNqatha esithi akukho zizathu ezibangela ukuba urhulumente achithe ibhunga likamasipala. UNkompela uthi “akuqiqanga” ukuthi kukho ooceba “abagxothiweyo” eOR Tambo kuba inyewe yabo isephambi kweenkundla zomthetho.

Malunga nendibano yebhunga yomhla wama30 kweyeSilimela 2021, uNkompela uthi la ndibano ibihambiselana nomthetho kuba yayizinyaswe ngooceba abangama45 (kwabo bebhunga bangama59).

UNkompela uthi njengoSomlomo kwanegosa elithwaliswe uxanduva lwezigqibo kwanokuhlalela iBhunga, kufuneka ehlahlele indlela futhi ekhusele isigqibo zeBhunga.

UNkompela uthi ukungavisisani phakathi kwebhunga kwakunye nesebe (Cogta) lephondo kuqale xa ibhunga “liqala ukubhentsisa ubuqhophololo kumasipala”.

UNqatha uthi kuza kuthunyelwa iqela leqoqo elikhokelwa ligosa elizimeleyo lokujongana norhulumento eOR Tambo. Ibhunga liza kuhlala lenziwe isimuma iintsuku ezilishumi elinesine (eziza kuphela ngomhla wama21 kule yeThupha).