UMphathiswa: Zintatheli nigoduka nini ezikroxweni?

WEZIWE TIKANA

INKOMFA noonondaba ebikhwetywe ziziphathi-mandla zesipolisa sephondo, zibambisene nesebe lezokhuseleko, nebimalunga nezehlo zobundlobongela eMpuma Koloni, ikhe yajika yayintsini engalawulekiyo ngethuba uMphathiswa uWeziwe Tikana ebuza iintatheli ngelona xesha lilungileyo kuzo ukushiya indawo yentselo.

“Mna ke ndifuna ukuqala khe ndibuze apha kuni [zintatheli] ukuba ngubani apha kuni umntu okhe athi xa kubetha intsimbi yeshumi esendaweni yentselo ahambe ayokulala?” kubuze uTikana, zadubula ngentsini engalawulekiyo iintatheli.

Ebethetha eQonce ngethuba yena noMkomishinala wamaPolisa ephondo uLieutenant General Liziwe Ntshinga bebethetha ngezehlo zobundlobongela kwiphondo leMpuma Koloni.

“Ndibuza nje kukuba into ebangela ukuba kuhlatyanwe yimizi yentselo. Ukuba kule mizi yentselo kungakhe kungabikho mntu ngentsimbi yesibhozo ngokuhlwa, zingaphela izehlo zobundlobongela. Elona xesha lezehlo zobundlobongela kuphaya ngentsimbi yeshumi elinanye ukuya ekuzeni kokusa.

“Uxanduva lokulwa ubundlobongela lulele kuthi thina bahlali. Siyonwaba kwimizi yentselo emva koko, sakonzakalisana, sifune amapolisa nabongikazi abebengekho ngethuba sonwabile. Ndikhe ndiyokukroba mna kule mizi yentselo ebusuku ndifike kunzima. Aba bantu banxiba amaqhina emini, bawatshintsha banxibe iiteki baye kwimizi yentselo,” utshilo uTikana.

UTikana ubongoze uluntu ukuba luzame ukuhlala ngokujongana nokhuseleko lwabo. “Masiyeke ukuxakekisa amapolisa. Abanye phaya ekuhlaleni bankala utywala benkalela amapolisa, bathi bakuxabana ayokuxela kuMkomishinala wephondo,” utsho uTikana.

UMphathiswa ubongoze uluntu ukuba lusebenzisane namapolisa, lohlukane nokuthathela umthetho ezandleni kulo.

UNtshinga uthi umba wokulwa nobundlobongela obujoliswe kumakhosikazi nabantwana, ufumana ingqwalasela emandla kumapolisa aseMpuma Koloni.

“Bonke abenza ubundlobongela ngakoomama nabantwana bazakudibana nengalo yomthetho, kwaye kufanele kubesisilumkiso kwabo basacinga ukwenza lomkhuba ukuba bangabi sawuqala,” utshilo uNtshinga.