UMphithizeli

uyagcuma

ngamaqhakuva

Ukhala ngamaqhakuva abonakala ingathi ziintsumpa okanye amathumba uMphithizeli Gaga noneminyaka eyi-64 ubudala, nongumhlali waseMimosa ePort Alfred.

La maqhakuva kaGaga nathi abantu abaninzi bacinga ukuba ngamathumba amphethe kakubi.Uthi ingxaki yaqala ngosuku apho wathi ehleli weva umzimba utshotshozela nalapho emva kwethutyana kwathi kwaphuma la maqhakuva.“Ndandicinga ukuba uyatshotshozela nje kuphela umzimba kanti kumhla kutshintsha ubomi kum,” utshilo uGaga. Lo kaGaga uzalwe engenawo la maqhakuva. Ebalisa ingxaki yakhe lo tata uthe akukho apho angayanga khona efuna uncedo nanjengoko ebahambile oogqirha nabantu besiNtu ekwakusithiwa bangamncenda, kwaye sele esuka nakumhlaba waseRhawutini efuna uncedo angazange alufumane.

Ingaphezulu kwamashumi amabini anesine (24) iminyaka lo kaGaga enala maqhakuva nathi wayecinga ukuba azakuphela ngokuhamba kwexesha nto leyo engenzekiyo,endaweni yokuba aphele aya ephuma usuku nosuku.

La maqhakuva agcwele umzimba wonke nanjengoko sele ephuma nasentloko ngoku ,kwaye uthi xa kuzakunetha uva ngawo kuba aye alume ngendlela esisimanga nalapho kuye kufuneke azonwaye umzimba.

Ebebonakala ebusweni uGaga ukuba ngenene iyamkhathaza le nto watsho esithi ucela umntu anokumnceda kuba sele ediniwe kukuphila nala maqhakuva, ngethemba lokuba nabantwana abathi bamhleke bangayiyeka lo nto bayenzayo kuba akayithandi lo nto.

UZodwa Matotwana noyinkosikazi kaGaga uthi udibene naye enawo la maqhakuva kodwa wayecinga ukuba ukuhamba kwexesha azophela nto leyo ingenzekiyo. “Mntanam sixakwe yinto emasiyenze ngoku kudala sizama,” utshilo uGaga.

UZodwa uthi angavuya umyeni wakhe xa enokuncedwa kuba bona akukho ndawo bangazihambanga ebebecetyiswa ukuba zinokumnceda.