UMpofu unelungelo lokumela wonke ubani, itsho i-EFF

U-ADVOCATE Dali Mpofu unelungelo lokumela nabani na ocela uncedo lomthetho kuye.

Oku kuthwethwe ngumbutho we-EFF emva kondaba-mlonyeni wokuba uMpofu okwangusihlalo uzakumela usaziwayo kwezosasazo uGareth Cliff, notsalela inkampani yakwa-Mnet ezinkundleni ngelithi ugxothwe ngokungafanelekanga.

Ibingumnqa kubemi beli emva kokuba uCliff egxothwe ngentetho enobuhlanga, xa ezakumelwa nguMpofu, oyinkokeli kumbutho olwa ubuhlanga.

Lo mbutho uthe ukholelwa ukuba uCliff ngumntu onobuhlanga, kodwa ukumelwa kwakhe nguMpofu akuthethi kuthi lo mbutho umele ubuhlanga.