UMpondo noMpondomise babengamawele

Isizwe samaMpondo siphuma eMpuma Koloni. Ngokwembali kuthiwa sisizukulwana sikaMpondo owayegumzukulwana kaSibiside nothathwa njengomphathi wokugqibela owayenamandla wesizwe samaMbo.

Yiyo loo nto ethetha iilwimi ezixubeneyo zakwaMbo kodwa kukwakho nefuthe lesiSwati nelesiZulu, njalo njalo. Ukufika kwempucuko nokufundiswa kwesiXhosa ezikoleni ezakhelwa amaMpondo kwenza uninzi lwamaMpondo athethe isiXhosa amanye ade aphethe ezibiza amaXhosa.

AmaMpondo azalana namaMpondomise, amaXesibe, abakwaMkhize, amaBomvu namaBomvana. Oku kungenxa yokuba uMpondo noMpondomise babengamawele.

Indlu yobukhosi yamaMpondo iQawukeni, iseLusikisiki. Isizwe samaMpondo saziwa kakhulu kwezobugcisa “ngokushaya imfene” – indlela abaxhentsa ngayo xa kudlala umculo ofana neMaskandi.

Njengazo zonke ezinye izizwe nawo amaMpondo anamasiko nezithethe. Akwadume nangokucela imvula; isithethe esiqheleke kumaYalo namaKhwetshube.

Ngokwenkcubeko indoda kufuneka idlule kwizigaba ezifana nolwaluko nokuthwala.