UMpostile uthumela umboniso wezesondo kudade!

UMFUNDISI wenkonzo iTwelve Apostles’ Church in Christ (TACC) eMqanduli uthumelele udade wale nkonzo umboniso efowunini onamanyundululu wamanyala wabantu ababelana ngesondo, ekwenza oko ekuzeni kusa.

Lo mboniso uveza abantu ababini, indoda nomfazi, behamba ngaze beveza izakhono zokwabelana ngesondo into engangemizuzu emithathu.

Oku kwenzeka nangona nje lo mfundisi, owaziwa kuphela njengoMnu. H. Mampofu, etshate nenkosikazi ekwahamba kwalapha kule nkonzo.

UBusiswa Mdunyelwa (37) uthi ufumene lo mboniso kwifowuni yakhe ekuzeni kusa kwisithuba esingaphaya kwenyanga edlulileyo.

“Ndothuka andayikholelwa into yokubona amanyala ethunyelwa kwifowuni yam ngumfundisi endimhloniphe ngoluya uhlobo. Into eyandothusayo kukuba mdala kakhulu lo tata kum ukundithumelela amanyala anje.

“Njengomntu ohlala nonkosikazi wakhe, yaphinda yandothusa into yokuba andithumelele into enjeya ekuzeni kusa,” utshilo uMdunyelwa.

“Ukuba nje ndandihleli neqabane ngelalindishiye apho. Ngubani umntu owayenokuze akholelwe xa ndisithi andinanto yakwenza nalo mfundisi, xa endithumelela into enjeya,” kutsho uMdunyelwa.

UMdunyelwa uthi emva kokuba efumene la manyala, wabonisa iinkokeli zale nkonzo kuquka noMpostile oyintloko eTACC uCaesar Nongqunga kwakunye nomkhuluwa kaCaesar, uAustin Nongqunga.

“Utata uNongqunga (Caesar) wayibona nje imizuzwana, wajonga ecaleni, esithi ayingangaye le nto. Emva kokuba eyibonile utata uNongqunga, ndandicinga ukuba kuza kuthatyathwa amanyathelo ngakutat’ uMampofu kodwa kude kwanamhlanje, ndingaboni nto eyenzekayo,” kutsho uMdunyelwa.

UMdunyelwa uthi into engamonelisiyo kukuba iinkokeli zaseTACC azide zithabathe manyathelo ngalo mboniso. “Kutheni le nto ndingahoywayo xa ndisithi makuthatyathwe amanyathelo ngakumfundisi. Kutheni le nto isidima sam sijongelwe phantsi yinkonzo endazalelwa kuyo,” kubuza uMdunyelwa.

“Ndifuna utat’ uMampofu acele uxolo kum ngento awayenzayo. Asokuze ndixole de azibonakalise ukuba igwenxa into awayenza kum,” utshilo uMdunyelwa.

UMdunyelwa uthi uyayithanda iTACC. “Ndazalelwa eTACC, andithandi ukubona utata onjengotat’ uMampofu esenza oku kum. Into endiyifunayo kukuba utat’ uMampofu aziwe ngabantu into ayiyo, xa ke inkonzo kucaca ukuba ayifuni kuthatha amanyathelo ngaye.”

UMampofu ugadlele phantsi, ze wacima umnxeba akuva ukuba ufowunelwa liphephandaba I’solezwe. UMpostile uAustin Nongqunga uvumile ukuba ulibazisile ukusombulula le nyewe, watsho esithi uza kudibanisa uMdunyelwa noMampofu ingaphelanga le veki.

“Ndicela I’solezwe liwubambe lo mba kuba uchaphazela inkonzo. Ningawukhupha ke kwiveki ezayo, ukuba andidanga ndawusombulula,” utshilo uNongqunga.