Umprofeti uncede isikolo saseSterkspruit

Icawe iRevelation Church of God ibizimase umsitho apho izimanye nohambo obe lusuka eAmalinda ukuyokutsho eJan Smuts StadiumUmfanekiso: BHEKI RADEBE

Bahambe bencumile abantwana besikolo saseSterkspruit emva kokolulelwa isandla ngumprofeti webandla ekuthiwa yiThe Revelation Church of God emsithweni obuseMonti.

Kwiveki ephelileyo, abantwana baseNyathela Senior Secondary School bebesematheni emva kokuvezwa kumabonakude njengabantu abasweleyo kwizinto ezithile njengokuba befunda enkampini – apho balungiselela khona iimviwo zokuphela konyaka.

Kumsitho webandla obuseMonti, kukhuthazwe impilo entle ebantwini.

Umprofeti S.B. Radebe unike isikolo saseSterkspruit iingubo, iziphontshi neziqhuma zokutya kuba ekholelwa ukuba kungumsebenzi walo naliphi na ibandla ukusabela iingxaki zabantu abajamelana nazo entlalweni yabo yemihla ngemihla.

“Icawa likhaya lomntu; yindawo ebumba umntwana. Icawa yinxalenye yentlalo yabantu. Ayikwazi icawa ukuphila endaweni yabantu ibe ingenanto iyenzayo ephucula iimpilo zabantu. Sinecawa apha eMpuma Koloni; sive kusithiwa kukho ingxaki yabantwana abasesikolweni. Ngoku sizama ukuncedisana nabo,” utshilo uMprofeti uRadebe.

Izinto zokulala ezifunyenwe sisikolo ziza kwenza umahluko omkhulu kakhulu. Ootitshala nabafundi baseNyathela bazamkele izipho ngolukhulu uvuyo eJan Smarts Stadium ngoMgqibelo ogqithileyo.

INyathela izinze kwilali yaseMacacume kwaye inabantwana ababhala iimviwo zikaGrade 12 abangaphantsi kancinci kumashumi asixhenxe.

Utitshalakazi, uNtombi Shumane, uxelele I’solezwe lesiXhosa oku: “Sinabantwana abasenkampini; ngoku kuye kwabonakala ukuba kukho abantwana abangafikelelekiyo kwezinye izinto. Yiyo lo nto siye sacela uncedo ebantwini kuMhlobo Wenene FM. Sicele umntu asiphe lo nto anayo ngoba sibaqokelela ndawonye abantwana ngoba nasemakhaya akukho nto ityiwayo. Kungcono kakhulu xa behlala esikolweni futhi befundela khona. Usincede kakhulu umprofeti. Sibe novuyo olukhulu kakhulu; asizange sazibona iingubo ezingaka. Sinombulelo omkhulu kakhulu ongazenzisiyo. Sinqwenela nabantwana xa sifika bayibone indlela.”