Umqhubi udubule wabulala umntu obezama ukumkhuthuza

Umqhubi udubule wabulala umntu obezama ukumkhuthuza.

Amapolisa eNtshona Koloni aphanda ityala lokubulala, ukuzama ukubulala, ukuqweqwedisa imoto kwanelokuzama ukuphanga kuxhotyiwe kulandela isehlo sokudubula eSpitz Way, eStrandfontein ngoSuku loNyaka oMtsha.

Isithethi samapolisa, uSajini Wesley Twigg, uthe umqhubi weeteksi ezikhwelwa ngobuchwepheshe befowuni (e-hailing) ebethutha abantu ebasa eStrandfontein.

“Aba bantu bazama ukumkhuthuza ngompu. Umqhubi waziphindezela waza wabadubula.

“Omnye oyindoda wabhengezwa njengobhubhileyo kwindawo yexhwayelo ngabasebenzi bezonyango, ngelixa omnye oyindoda wasiwa kwiziko lonyango ukuze afumane unyango. Akukabanjwa mntu okwangoku,” utshilo uTwigg.

Uthe abecuphi baseStrandfontein bayaphanda ngalo mba.

Kwiveki ephelileyo, umqhubi weeteksi ezikhwelwa ngobuchwepheshe befowuni uAli Zaib uphangwe ekhonjwe ngemela ngabafana ababini, ividiyo yedash cam yesehlo iye yasasazeka kumakhasi onxibelelwano.

Ethetha nephephandaba iCape Argus, lo mqhubi nongutata wasePakistan onama36 ubudala wabantwana abahlanu, uthe ukhathazeke kakhulu sesi sehlo.

Kwividiyo, la bafana bangena kwimoto kaZaib kwaye bamgrogrisa ngemela.

Emva koko wanikezela ngefowuni yakhe, kwaye bafuna ukubona ukuba kukho ntoni ebhuthini yakhe.

Amapolisa aseKapa aqinisekisile ukuba aphanda ityala lokuphanga.

Usihlalo wombutho weeteksi ezikhwelwa ngobuchwepheshe befowuni eNtshona Koloni, uSiyabonga Hlabisa, uthe abaqhubi bazizisulu zoonqevu.

IWeekend Argus inike ingxelo yokuba abaqhubi basemngciphekweni kwiindawo ezahlukeneyo apho bahlaselwa khona baze baphangwe emva kokuba bebiziwe ngokusebenzisa ubuchwephesha befowuni.

Uthe kunzima kubaqhubi, kwaye lo mbutho ubuzama ukulwa le miba neenkampani zeApp.

“Ngelishwa, kuninzi lwamatyala, aba nqevu baye basebenzise iiakhawunti zabanye abantu, ngoko ke kungumceli mngeni,” utshilo.

Eli bali liqale lavela kwi-IOL.