Umqhubi wemoto ubhubhile emva kokutshayisana nebhasi

Ibhasi etshayisene nesithuthi esincinci kwidolophu yaseTinarha UMFANEKISO: Uthunyelwe

 Amapolisa aseTinarha aphanda ngetyala lokubulala emva kokuba kutshayiswe kwabhubha umfana onamashumi amathathu anesibini ubudala ngethuba imoto yakhe ehlobo oluyiRenault Clio ingquzulana nebhasi yakwaTranslux ngezithuba zentsimbi yesithandathu kusasa namhlanje (ngeCawa).

 

Umqhubi weRenault Clio ubhubhe ngoko nangoko kwindawo leyo yexhwayelo kwindlela uR75 kwigophe laseCockscomb.

 

Isithethi samapolisa uKapteni Gerda Swart, uthi ebhasini akukho mntu wonzakeleyo. USwart uthi amapolisa azakuqhuba nophando lwawo. Igama lomqhubi belingekadizwa de kwaziswe zonke izihlobo zalo.