Umqhubi wemoto uncede inkosikazi iphangwa

Amapolisa aseGcuwa amqhwabela izandla umqhubi wemoto oncedise ekubanjweni komnye wabarhanelwa abaphange inkosikazi yaseGcuwa ngethuba izihambela kwisitalato iScanlen eGcuwa kule veki.

Bekungentsimbi yesithandathu emalanga ngoLwesibini, ngethuba le nkosikazi iphangwa ifowuni yayo ngamadoda amathathu.

Ekuqapheleni oku, umqhubi wemoto uleqe aba barhanelwa ngemoto, wamfumana omnye wabo wamdlulisela kumapolisa aseGcuwa.

Ifowuni yale nkosikazi ifunyenwe, lo gama abarhanelwa ababini besagcwele amathafa.

Umrhanelwa bekulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi eGcuwa izolo.