Umqol’ uphandle kwabadyarhaza imali kaMandela

UMkhuseli woLuntu uBusi Mkwebane UMFANEKISO: Bongani Shilubane/ANA

UMkhuseli woLuntu uAdvocate Busisiwe Mkhwebane uyikhuphile ingxelo malunga nokudyarhazwa kwemali eyayihlelelwe imisitho yezikhumbuso sokubhubha kobesakuba nguMongameli uNelson Mandela, watsho igxeke eliphosa kumlawuli-jikelele karhulumente waseMpuma Koloni uMarion Mbina-Mthembu ngelithi, watyeshela imithetho ngethuba ephumeza imali yale misitho.

UMbina-Mthembu wayeyintloko yesebe lezezimali ephondweni ngelo xesha.

NgoMvulo, uMkhwebane ubhengeze ingxelo kulandela imali ekwizigidi ezithandathu zeerandi ezachithwa nguMasipala iBuffalo City ngethuba lokubhubha kukaMandela ngonyaka ka2013.

Yimali engangezigidi ezikumakhulu amathathu eerandi (R300 million) eyaphunyezwa ngurhulumente waseMpuma Koloni, phantsi kwentende yeArhente yezoPhuhliso yaseMpuma Koloni (ECDC), ukuze ijongane nomsebenzi wokuququzelela ukubhubha kukaMandela.

Endaweni yokuba isebenze eyona nto iphunyezelwe yona le mali, amagosa karhulumente aseMpuma Koloni ayehlisa ngomlenze enye yale mali.

Ngenxa yoku, ibutho lophando lwamapolisa iiHawks labamba owayesakuba nguSodolophu waseBuffalo City uZukiswa Ncitha, obesakuba lisekela likaSodolophu uThemba Tinta, uNobhala onqunyanyisiweyo weANC eBCM uPhumlani Mkolo, uceba weANC uSindiswa Gomba, obesakuba ngusomlomo waseBCM uLuleka Simon-Ndzele, owayeligosa laseBCM uOndela Mahlangu, oosomashishini uZintle Nkuhlu, Viwe Vazi, Nosiphiwo Mati kwakunye noDean Fanoe.

UMkhwebane uthi inyathelo lokuphunyezwa kwale mali lwalungekho semthethweni, watsho esithi izenzo zikaMbina-Mthembu zazingekho semthethweni futhi zizimpawu zolawulo olunobubhutyu-bhutyu.

Lo kaMkhwebane uthi inyathelo lokufakwa kwemali engange-R250 000 kwibhanki kaNkulumbuso uPhumulo Masualle, owayengumphathiswa wezezimali ngelo xesha, lalingekho semthethweni.

UMkhwebane ukwakhankanye umasipala waseNelson Mandela Bay, King Sabata Dalindyebo nase-OR Tambo, esithi nabo bachitha imali ngokungekho semthethweni ngethuba lemisitho yokulungiselela ukungcwatywa kukaMandela.

Kwizindululo zakhe, uMkhwebane uyalele ukuba kuphandwe uMbina-Mthembu, uGomba, Simon-Ndzele kwakunye namagosa aseBCM, Nelson Mandela Bay, OR Tambo naseKSD awayesemfuthweni wolwazi ngethuba kuphunyezwa ezi mali.

UMkhwebane ukwayalele isebe lezezimali kuzwelonke ukuba licele uMongameli Jacob Zuma ukuba aphumeze ukuphandwa libutho lophando elikhethekileyo (SIU) kobu butyadidi bokudyarhazwa kwemali kaMandela.