Umqulu wenkululeko

Xa siphuma kule yeSilimela sijonga kweyeKhala bendingathanda ukugxila kumba womqulu wenkululeko owaqingqwa kwingqungquthela yabantu eKliptown ngomhla we-26 kule yeSilimela koka-1955.

Xa sithetha ngalo mqulu siyathanda ukuziqhatha ngelicinga ukuba wonke umntu uyazi ukuba sithetha ngantoni. Ewe, igama le “Freedom Charter” liyaziwa kodwa ingaba na nyani sisakhumbula ukuba kwakufunwa ntoni ngoko? Kwaye ingaba ezo zinto zifezekile? Makhe sithi gqaba gqaba, sikrobe ukuba siqhube njani:

1. Abantu bayakulawula? Ewe, kulawula urhulumente okhethwe sisininzi ngoku.

2. Iintlanga zonke ziyakuba namalungelo alinganayo? Ngokomgaqo-siseko injalo.

3. Ubutyebi belizwe buyakwehlulwa phakathi kwabemi bonke? Ayikenzeki. Kwaye singasebenzisa miqathango mni ukuqikelela ukuba ubani ufumana obungakanani ubutyebi? Ingaba obu butyebi bezwe bufunyanwa ngokuba umntu afumane umsebenzi kuqala?

4. Umhlaba uyakwabiwa phakathi kwabo bawulimayo? Ayikenzeki. Phofu kwa umcimbi wokulima yinto ekungathi siyityhafele. Umhlaba sinawo, ingakumbi kumaphondo afana neMpuma Koloni. Siwenzani?

5. Bonke abantu bayakuphathwa ngokulinganayo emthethweni? Ingathi umthetho usebenzela abanemali okwangoku. Ingaba iinkundla zesiNtu zona ziyinikwa nini ingqwalasela?

6. Onke amalungelo ayakunikwa bonke abantu? Injalo, sinawo amalungelo.

7. Umsebenzi uyakwanela bonke abantu, bonke abantu abasayi koyika ingomso? Ayikafezeki ke le, ingakumbi kulutsha.

8. Ingcango zemfundo nempucuko ziya kuvulelwa wonke umntu? Sicela imfundo esimahla jikelele; nakwiiyunivesithi.

9. Kuyakubakho izindlu, ukonwaba nokwanela? Inde le ndlela kodwa ingathi siya ngakhona.

10. Kuyakubakho inzolo nemvisiswano? Siyazama.

Enye yezinto ekufuneka yenzekile yeyokuba ooNkululeko nooNonkululeko, aba sithi bakhululekile, kufuneka badibane babhale umqulu wabantu abakhululekileyo – sifuna ntoni njengokuba sikhululekile?

Previous article

yinkwenkwe

Next article

Abantu babhenela koosiyazi!

SHARE