Amapolisa aseGqeberha adubule abulala umrhanelwa obefunwa emva kokuzama ukubaleka ukubanjwa nalapho akhombe amapolisa ngompu.
Esi sehlo senzeke izolo, ngoLwesine umhla wesixhenxe kweyeNkanga ngethuba amapolisa aphantsi kwecandelo leNational Intervention Unit ebekwiphulo lokuthintela ulwaphulo-mthetho kwingingqi yaseWalmer, eGqeberha.
Isithethi samapolisa uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa, uthi ngethuba amapolisa ejikeleza eWalmer Links, abone imoto emhlophe yohlobo lweVW Polo ebiqhutywa ngumrhanelwa (23) nobandakanyeka kulwaphulo-mthetho olwahlukeneyo kwisithili saseNelson Mandela Bay, bazama ukumisa nokumgqogqa.
“Uye wabuyisela umva imoto yakhe wanqandwa ngamapolisa, waphuma emotweni ephethe umpu ewukhombe amapolisa. Amapolisa asabela ngezabo iimbumbulu adubula umrhanelwa wabhubha. Bathe xa begqogqa bafumana umpu ongekho semthethweni (9mm CZ pistol) kunye neembumbulu,” utshilo uMawisa.
Iqwakuqwaku libhaliswa ukuze kuphandwe. Icandelo lophando lwamapolisa elizimeleyo (IPID) lithathele eli tyala ukuze liqhubeke nophando.
Ayakhala amafama aseMelika ngesigqibo sikaTrump