Umsasazi wesikhululo saseBhayi iKingfisher FM ukhululwe ngebheyile yamawaka amabini eerandi (R2 000) emva kokuvela kwinkundla yamatyala aseBhayi ngoLwesithathu ngamatyala ezigrogriso zokudlwengula.
Lo msasazi, ungachazwanga ngegama, wabanjwa kwinyanga ka-Agasti kunyaka ophelileyo emveni kokwenza imiyalezo egrogrisayo kowasetyhini oneminyaka engamashumi amabini anesibini, esithi uzakumdlwengula.
Umsasazi uzakuphinda abuyele kwakhona ezinkundleni ngomhla wesibini kwinyanga kaMatshi, khon’ ukuze igqibe ngexesha lokuqala kokuxoxwa kwetyala inkundla.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike