Umsasazi ubuyela kuMhlobo Wenene!

Siphiwo Spitch Nzawumbi

INYANGA yoKwindla (Matshi) yinyanga eye ibangele uvalo, ngamanye amaxesha yenze imincili kwabo basebenzela oonomathotholo beSABC nanjengoko kuye kubekho uhlengahlengiso kubasasazi neenkqubo.

Bambi baphelelwa sisonka sabo okanye batshintshelwe kwezinye iinkqubo – nto leyo ibangela siphulaphule amazwi amatsha.

Nabo abaphulaphuli baye bachaphazeleke lolu tshintsho kuba baphulukana neentandane zabo, kuphele iinkqubo bebezithanda, ngelinye ixesha bazuze icham lokuphulaphula abo babathandayo kwiinkqubo abacinga zibafanele.

Umhlobo Wenene FM, esinye sezikhululo ezikhulu zeSABC, nesisasazela uMzantsi Afrika ngolwimi lwesiXhosa, kule veki ubhengeze ukubeka phantsi komsasazi waso uSiphiwo “Spitch” Nzawumbi.

USpitch ebesasaza noZintle “Babe Zee” Mbusi inkqubo yasemini uSijikilanga (SJL).

USpitch uzibandakanye noMhlobo Wenene FM ngoJulayi ka2017.

Kancinane nje emva kokuba I’solezwe lesiXhosa live ngokulahla kukaSpitch, lo msasazi ubhale kwikhasi likaFacebook esithi uza kukhe athi xha kwezosasazo.

“Kwiveki ephelileyo ndifake incwadi elahlayo kubaphathi besikhululo,” kubhala uSpitch.

“Kufike ixesha lokuba ndikhule kwaye ndikhangele amanye amathuba. Ndohlukana nesi sikhululo ngomoya omhle, ndenze ngempumelelo ukukhulisa inkqubo endayinikwa ngokuthenjwa kwaye ndakhe nobudlelwane obuthandekayo nabaphulaphuli,” kutsho uSpitch kwimbalelwano.

USpitch ubambe ngazibini kwabo bamxhasileyo kwikhondo lakhe lezosasazo.

“Ndiza kuthabatha ikhefu kunomathotholo ukuze ndigxile kwezinye izakhono endinomdla kuzo,” utshilo.

USpitch usasaza okokugqibela kuMhlobo Wenene FM ngomso umhla we13 kuMatshi.

Ngubani ke ngoku oza kungena kwindawo yakhe?

I’solezwe lesiXhosa lihletyelwe ukuba uLuyanda “Luks” Gidane uza kungena kwindawo kaSpitch ukususela ngomhla wokuqala kuTshazimpuzi / April.

UGidane, osasaza inkqubo yasemva kwemini iDrive 326 neTop 30 kwisikhululo seSABC esiseBhisho, itrufm, ubuya ityeli lesibini kuMhlobo Wenene FM emva kokulahla kwesi sikhululo ebutsheni bonyaka ka2016.

Kuvakala ukuba uGidane, osele esasaze iminyaka eli-13 kuMhlobo ngaphambili, uza kusasaza uSijikilanga (SJL) noZintle Mbusi kwistudiyo soMhlobo Wenene FM esiseKapa.

UGidane, inzalelwane yaseZwide eBhayi, ubuyela kuMhlobo Wenene efumbethe iimbasa.

Ngethuba ekwi-trufm, inkqubo yakhe iphumelele imbasa yeBest Drive Time kumawonga weLiberty Radio eRhawutini ngo2017. Waze waphinda wathiwa jize ngeembasa ezimbini – eyomsasazi weDrive Time ogqwesileyo kwanenkqubo ephambili yeDrive Time kwiEastern Cape Choice Awards.

Inkqubo kaGidane ikhe yachongelwa imbasa yeBest Drive Time kwiMTN Radio Awards ngo2015, ukanti kunyaka ophelileyo, inkqubo yakhe yeTop 30 ityunjelwe imbasa njengeyona nkqubo yomculo yeempelaveki etshatsheleyo kwiLiberty Radio Awards.

Olu tshintsho lufika kanye ngethuba Umhlobo Wenene FM uzigobh’ amacala uvuyela ukonyuka kwenani labaphulaphuli besi sikhululo, ngaxeshanye ubhiyozela iminyaka engama60 yosasazo. Kwingxelomanani yakutshanje, esi sikhululo sifikelele kwi-5.8 yezigidi zabaphulaphuli.

Kude kwafika ixesha lokupapasha eli nqaku I’solezwe lilinde iSABC iphefumle ngolu tshintsho.