Umsasazi utyhola ngokuhlaselwa esemoyeni

Athenkosi Mtsishe

Ubeke phantsi iintambo obengumsasazi kwisikhululo sosaszo sasekuhlaleni iSunshine FM eNgqushwa uAthenkosi Mtsishe nowaziwa ngelika CK. UCK ukhala ngelithi ufumana izigrogriso kwakomnye umsasazi wesa sikhululo ngelithi wathatha inkqubo yakhe.

UCK, oyinzalelwane yaseRhini, utyhola ngelithi kwisiganeko sakutshanje uhlaselwe esemoyeni ngethuba esenza inkqubo yakusasa ethi “Vuka neSunshine” ephakathi kwentsimbi yesithandathu ukuya kweyesithoba.

Uthi kwanyanzeleka ukuba akhwaze uncedo kuluntu olumameleyo ukuba lubize amapolisa ngokukhawuleza kuba ebona ukuba ubomi bakhe busemngciphekweni. Utyhola uMzoxolo Hoza ngelithi owayefuna ukumhlasela.

“Ekuseni ndifike ndatshixa iminyango yonke yegumbi lezosasazo kuba kusina imvula. Xa ndiphinda ndiyokuvula umnyango awavuleki onke afakwe amagqajolo amaqhanga.

“Emva komzuzu ndisothuswe yinto yokuba ndivingcelwe ndabe sele ndisiva kukhatywa amacango ngenkani kwakunye neefestile, kulapho ndiye ndaleqa embokweni ndakhwaza ndisithi komameleyo njengangoku makancede andibizele amapolisa aseNgqushwa azokundihlangula ndiyahlaselwa,” oko kudizwe nguCK.

Uthi amapolisa afika kodwa sele ebalekile uMzo. UCK uthi kulapho wafikelela esigqibeni kwangala mzuzu ekuba abeke phantsi iintambo kwesasikhululo kuba esiva engasakhuselekanga.

“Ayisosiganeko sokuqala esi sokuhlaselwa nguMzo. Waqala ngondivingcela kwindlu endihlala kuyo elalini wandiqhwaba kuba esithi ndimthathele inkqubo yakhe,” kubanga uCK.

Ukanti otyholwa nguCK, kuyavakala ukuba wayenalo ityala lokudlwengula ngaphambili waze waphuma ngengqawule. Kwesasikhululo ufike sele wahlukana nelo tyala.

Igosa eliyintloko elilawulayo kwesisikhululo uLuyanda Moyeni uziphikile ezi zityholo zibekwa nguCK.

“Kona ukulwa balwile ndiyavuma kodwa besilwela elalini apho bahlala khona ngezinto zabo njengabafana esingazaziyo thina.

Ukanti uyazivuma nengxelo zokuba umtyholwa lo wayekhe wanalo ityala lokudlwengula kodwa esikhululweni waqashwa sele kukudala wagqiba ityala lakhe nalapho waphuma ngengqawule.

Uthi, umtyholwa usengaphathi esikhululweni khange bamnqummise.

Uthi nokuba bakumagumbi agugileyo eSunshine kodwa ukhuseleko lona lukhona ngakubasasazi babo.

UWaranti Ofisa Sinqotho wamapolisa aseNgqushwa akafumanekanga emxebeni kwinzame zethu ngethuba sifuna ukuqinisekisa ngezizityholo.