Umsasazi wase-trufm unceda abasweleyo

Umsasazi wetrufm uSithembele Thomas nowaziwa ngokuba nguMantofontofo ekunye nosapho lakwaQhajana phambi kwendlu yalo entsha eMooiplaas imifanekiso: ithunyelwe

USITHEMBELE Thomas owaziwa njengoDJ Mantofontofo uthi akazange akwazi ukuyiyeka ilale imeko obeluphila phantsi kwayo usapho lakwaQhajana oluhlala eMooiplaas kwilali yaseMakhazi.

Oku kusukela mhla uThomas esendleleni eyokungcwaba umntakwabo kuCanzibe walo nyaka.

“Ndabona le ndlwana ingaqondakaliyo ze ndabuza ukuba kukho abantu abahlalayo kusinina kuyo. Ndothuka xa ndisiva ukuba kuhlala abantu kuyo,” kubalisa uThomas.

Uthi waye wayolundwendwela olu sapho ngeenjongo zokuqonda imeko yalo ngokuphangaleleyo. Emveni koko waye wabhalela abakwaBuild It nabathi bakhawuleza babuyela kuye benomdla wokumncedisa.

Le ndlu ibihlala uRholisile Qhajana, umfazi wakhe (onenkubazeko), abantwana ababini abanga-mantombazana kwakunye nomzukulwana.

Olu sapho aluxhamli mali yesibonelelo ngoba alunazazisi, ngoko ke lutsala nzima.

“Umngeni esiye sajongana nawo ekwakheni le ndlu ngamanzi, iminyaka emihlanu idlule abantu bengenamanzi.”

UThomas uthi waye wakhupha imali yokuba kuthengwe amanzi okwakha. Ibiyimincili, iziinyembezi zovuyo kolu sapho emveni kokuba lubone indlu yalo izele yimpahla yangaphakathi.