Umsasazi weNgqushwa FM ucela iivoti kwiiSATMA

Umsasazi weNgqushwa FM uThembelani Sikilishe Jikijwa uchongwe kumawonga eeSATMA. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Umsasazi wenkqubo yomculo kamaskandi eNgqushwa FM, uThembelani Sikilishe Jikijwa, uthi ithemba lakhe lilele kubathandi bemiba yezemveli nenkcubeko ukuba bamvotele kumawonga eSATMA aza kubanjelwa eMahikeng eMntla Ntshona kuMgqibelo weveki ezayo. 


UJikijwa usasaza inkqubo yomculo ethi Kuzokwaziwana engena ngemiGqibelo, phakathi kwentsimbi yokuqala emini ukuya kweyesihlanu.


“Ndonwabe kakhulu ukuya kumagqibela kankqoyi, lo nto ibonakalisa ukuba abantu bayawuthanda kwaye baya wuxhasa umculo wesintu.

Le nto isegazini kum, akungoku ndawuthanda umculo wesiNtu mna kuqala. Isuka ezantsi apho ndizalwa khona kuGatyane eQwaninga, apho ndikhulele khona nditshotsha ndihamba imibholorho nemiguyo,” kutsho uJikijwa. 


“Ngowona mculo lona endiwuphilayo kuba uphethe umyalezo kwaye uculwa ngqo ngolwimi lwam, lo nto ithi sigcina iingcambu zethu ngomculo wesiNtu.” 


UJikijwa uthi akukhange kube lula ukungena kunomathotholo.


Khange kube lula ukufumana unomathotholo kuba ezilalini ndandifuna ukusasaza ndisafunda uStandard 7 kodwa ngenxa yokuba kude nedolophu ndangona ndiqala ukusasaza ngo2013 eBhayi. “


UJikijwa uchongwe kwibakala leBest Traditional Community Radio DJ.


Xa umvotela ubhala SATMA 182 uthumele ku 49495. Vota de kube sezinzulwini ngomhla wama-27 kule yoMsintsi.