Umsasazi woMhlobo ubeka phantsi umboko emva kweshumi leminyaka!

Phumzile ZOnke

5, 4, 3, 2, 1lunye kuphela usuku olushiyekileyo phambi kokuba abaphulaphuli boMhlobo Wenene FM bathi ndlela-ntle kumsasazi wabo weenkqubo zangempelaveki.

UPhumzile Zonke, oteketiswa njengoPhura ngabanye abaphulaphuli, kulindeleke enze inkqubo yakhe yokugqibela kulo Lwesihlanu we-31 kule nyanga yoKwindla.

UZonke, nosele esebenze iminyaka elishumi kuMhlobo Wenene FM, ngelixa I’solezwe lincokola naye, ungqinile ukuba ngokwenene ukuba uLwesihlanu (31/03/2017) ngumhla wokugqibela njengomsasazi woMhlobo!

“Liyinene elo lokuba emva kweminyaka elishumi yokusasaza iinkqubo zasebusuku zempelaveki kuMhlobo Wenene FM – ndifikelele kwisigqibo sokuzibeka phantsi iintambo,” utshilo.

UZonke uthe kufike ixesha lokuphumla kwaye agxile kwezinye izinto ezifana nokusebenza kwinkampani yakhe ayisungulayo.

Uyakukhumbula ke ukuba kwiveki ephelileyo besithe, uK.Ci August ufudukela kwiinkqubo zempelaveki. Ukumka kukaZonke kuyakuxelela mhlophe ukuba indawo yakhe kulindeleke ukuba ithatyathwe nguK.Ci.

Emva kokusebenza njengomsasazi weSABC 1 ebutsheni beminyaka yoo-2000, uZonke waye waqeshwa njengomsasazi woMhlobo Wenene ukususela kweyeDwarha ngo-2007.

Ukususela ngoko, wenze iinkqubo zasebusuku zempelaveki, leyo ethi ‘Abahlali Abangalali’ no ‘Jayva Mzantsi’.

Ngokwenqaku esalenza kophelileyo, uyakukhumbula ukuba uZonke kwakulindeleke awushiye uMhlobo Wenene FM, kodwa ngokutsho koMphathi wesikhululo uMnu. Phumzile Mnci ‘bamcela ukuba alinde de kufumaneke onokungena ezihlangwini zakhe.’

UZonke, noyinzalelwane yaseBhayi, ukwayi-Network On-Air Mananger kwicandelo likamabonakude eSABC.