“Ndingumntu ontliziyo esondele kakhulu kumntwana oyintombazana endisoloko ndifuna ahlale ezingca kwaye ezidla futhi eziqhenya. Andifuni athi akubasexesheni azibone esehla umdla kwaye azibone eluhlazo phakathi kwabanye abantwana. Ndingafuni nokuba abenosuku angayi ngalo esikolweni kuba edinga iiphedzi xa esexesheni.” La ngamazwi womsasazi woMhlobo Wenene FM uZintle Akhona Mbusi nowaziwa njengoBabe-Zee okwangumnikazi wenkampani iZMMedia
UBabe-Zee ngo2017 uqale iphulo lokuqokelela iiphedzi emva kokubona imeko yokungalingani kwamakhaya kwanokusokola kwabantwana abaqalayo ukufikelela exesheni lobuntombi babo abaye bazibone behlazeka edolophini okanye esikolweni phakathi kwabanye abantwana xa bethe baphumela kwaye babe bengenazo emva ekhaya iziqhusheki ezo.
Uthi ukuba sexesheni kuza nohlazo nangona kuyindalo nje ingenokubalekelwa kuba abanye abantwana abayi iintsuku ezintathu (3) ukuya kwezintlanu (5) esikolweni kuba bengenazo kwaye esoyika nokuhlazeka. Uqhuba wathi ngokomnqweno wakhe akarhaleli kubekho namnye umntwana omakangayi esikolweni kuba indalo ithathe indawo yayo.
Kulo Mgqibelo sijonge kuwo umhla we30, iZMMedia kwakunye nabaxhasi bayo bazakube beseMthatha Health Club ukusukela ngentsimbi yesithandathu (6) ekuseni apho bazakube benentlobo zonke zokuzilolonga ebizwa ngokuba yiAerobics and Fitness Marathon, nekulindeleke ukuba othabatha inxaxheba kwanozokubukela angene efumbathe ipakethi yephedzi okanye ethwele entloko iibhokisi zeephedzi ngeenjongo zokunikela kwabasweleyo.
“Njengokuba ndingumntu ogade impilo ngokuthi azilolonge, ndiye ndabona ukuba yindlela enokuba ngcono nalula ukuqokelela iiphedzi ngoluhlobo kuba nabathathe inxaxheba nabo bazakuphila ngokomphefumlo nangokwasengqwondweni kuba ukuzilolongo kuyimpilo kwaye kuhola ukhuthaza,” utsho uMbusi.
Uthi kule minyaka mihlanu (5) eliqalile eliphulo uyancoma kuba nalo liyakhula etsho ebulela inkxaso engumangaliso eluntwini. Uthi ngo2022 ewodwa unikele kwizikolo ezintlanu (5), uthi waqala kancinci ekwazi ukunikela kwesinye ngonyaka kodwa 2022 wenze ummangaliso.
Lo msasazi ukwancoma negalelo labantu abangootata ngenkxaso eyothusayo abayenzayo ekuxhaseni ngeephedzi.
“Amadoda bangenile nawo kweli phulo abasoyiki ukuma evenkileni bathenge iipedzi, ngaphambili babekade bendinika imali ekubeni ndizithenge kanti ngoku bafaka ngokwabo emgqomeni.”
IZMMedia isaqhuba kwizikolo ezimbalwana eOR Tambo neneenjongo zokunwenwela kwiMpuma Koloni.
Iphupha lalo msasazi ngenye imini kukuba abenezakhe iiphedzi nezizakuthi zifikelele ngokwexabiso kwabo bangathathintweni.
Kusenjalo kwangolusuku lwangoMgqibelo ngorhatya kwindawo yolonwabo eyaziwa ngokuba yiNkandla eMthatha kukwalindeleke ukuba amanina angungelane ndawonye apho azakube esakhana, exhobisana.
Lo msitho ubizwa ngokuba nguDadethu lo msasazi uthi injongo kukuba abantu ababhinqileyo bafunde ukuzazi, ukuxhasana, ukuthwalisana kwanokukhulisana hayi ukumonelana nokuhlekisa.
Abanye oosaziwayo abalindelekileyo nguLusanda Mbane owayethandwa kakhulu kuScandal nesele eku Smoke and Mirrors njengoMartha, Unathi Nkomfa onencwadi Umhlolokazi Olidlolokazi, noNomonde Vakalisa woMhlobo Wenene.
Iimvumi nguZahara, Jaziel Brothers noIkhona, bakwa meme nabantwana abancinci abangamantombazana ukuze bakope kwaye bafunde.
Ingaba iPirates inawo amandla okubhukuqa iMamelodi Sundowns?