Umsasazi woMhlobo Wenene ukhupha incwadi yesiXhosa

ULali Tokwe uphehlelela incwadi yakhe yesiXhosa

UMSASAZI woMhlobo Wenene FM okwangumbalisi wamabali wabantwana uLali Tokwe, uphehlelela incwadi yesiXhosa eza kukhuthaza ze inike abantwana ifuthe nempembelelo ebomini.

Le ncwadi ibizwa uNomkhitha, iqulethe isiqalo samabali ajikeleze intwazana enguNomkhitha, ekubonakala ijamelene nemingeni eliqela.

Le ncwadi yokuqala kaTokwe, ilungiselelwe abantwana abaselula ngokweminyaka. Kwincoko nephephandaba I’solezwe lesiXhosa, uTokwe uthi le ncwadi isisiqalo samabali angale ntwazana aseza kulandela.

“Ubani makalindele amanye amabali aza kulandela ngale ntwazana, kuba siza kukhula nayo de siyibone ifikelela kudidi lobuntombi,” kudiza uTokwe.

Lo msasazi uthi ukhethe ukusebenzisa igama likaNomkhitha ukuthiya le ncwadi kuba ikhangele ubomi bakhe esakhula.

“UNomkhitha ligama umama wam awandinika lona emva kokuzalwa. Uthi ndandinomkhitha kodwa udade wabo waphela endibiza uNobulali,” kubalisa uLali.

UTokwe uzalelwe eZwelitsha eQonce, wakhulela eCangca, eMpofu kulotata wakhe. Ukhe wahlala naseLitha phambi kokubuyela eZwelitsha kwalapho eQonce.

Uthi konke oku yenye yemingeni yayijamelene noNomkhitha, ubani aza kuyiva kakuhle kule ncwadi.

Uthi ukhule enqwenela ukubhala incwadi, ingakumbi ukubhala ngesiXhosa.

“Oku kwaphenjelelwa kukuluthanda nokuzingca ngalo ulwimi lwam, ingakumbi ndakusebenza ngalo ekusasazeni, ukutolika enkonzweni, kumabali ebendiwabalisela abantwana, kanti nokufumanisa ukuba uninzi lwabantetho isiXhosa abasisele so.”

UTokwe uthi uyaqala ukubhala kwaye uzimisele nokuqhubekeka ebhala ngolwimi lwesiXhosa.

Ukholelwa ekubeni wonke umntu unalo ibali anokulibalisa kwaye elo bali kungenzeka lifike libe yimfundiso, isilumkiso nenkuthazo komnye umntu.

Uqale ngokwenza inkqubo uSinebali Bantwana kwiminyaka edlulileyo nalapho ebebalisela abantwana amabali esiXhosa ngenjongo yokuncedisana nabo ekuthandeni nasekuligcineni ulwimi lwesiXhosa.

Oku kuphembelele ukuba uTokwe abhale le ncwadi, into ayibone ibalulekile ukuba abantu bokuqala ukuyifumana ibe ngabantwana.

“Ibali lomntu limnandi xa libaliswa ngumninilo, kananjalo isizukulwana esizayo singancedakala libali lakhe umntu sele engekho yena,” kutsho uTokwe.

Kule ncwadi uthi uncediswe nguSiyabulela Makwetu negqala lomsasazi kuMhlobo Wenene uMbulelo Ngewu.

Olu phehlelelo lwale ncwadi lunge-28 kweyoMsintsi 2019 eThe Venue eHemingways Hotel, luza kuba nezigaba ezibini. Ukuqala ngentsimbi yeshumi kusasa ukuya emini lixesha labantwana, ze isigaba sesibini sabadala sibe ngentsimbi yesithandathu ngorhatya.

Imvumi yomngqungqo uDumza Maswana uza kube esonwabisa iindwendwe ngengoma.

Amatikiti okungena emnyango axabisa iR400, kwaye kwakuloo mali uza kufumana incwadi kwakunye nesidlo.

Ukuze ufumane itikiti ungatsalela kule nombolo: 067 366 8913.